UMathoho uzakuphoswa ngumdlalo weWits

Njengokuba isizini iphela iKaizer Chiefs ingafumenanga nenye indebe njengedlulileyo, eyona nto ebonakalayo ezakuyenza ngomhla wokugqibela kukuhlonipha iBidvest Wits – iintshatsheli ezintsha ze-Absa Premier Soccer League.

Amakhosi amkela iWits kumdlalo wokugqibela kule sizini eFNB Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo. Kulapho abadlali beChiefs kulindeleke bondlalele abadlali beWits ikhaphethi ebomvu.

IiClever Boys ziphumelele indebe yePSL okokuqala kwimbali yazo kwiminyaka engamashumi alithoba. Lo mdlalo wokugqibela awusathethi nto kwiWits ngoba yonke into seyicalanye kuyo.

Yona iKaizer Chiefs izakuzamela ukuphumelela ukuze ifumane indawo yesine ukuba ibethiwe kodwa iSuperSport United.

Ubufede beChiefs bubacaphukisile abalandeli bayo, kangangokuba bafuna ayiqale indlela awayeze ngayo uSteve Komphela emva kokungaphumeleli nenye indebe iminyaka emibini ilandelelana.

U-Eric Mathoho uzakuphoswa ngulo mdlalo ngenxa yokwenzakala. UGavin Hunt kulindeleke abophe abadlali bakhe besiqhelo ukuze ayivale kakuhle isizini ka’2016/17.