UMatikinca ucela kwakhiwe ibala lebhola eMnquma

Kwizikipha ezibomvu ngunozinti weTS Galaxy uLudwe Mpakumpaku, uManejala uLuxolo Matikinca kunye neVideo analyst uNkululeko Malgas

UManejala weTS Galaxy, uLuxolo Matikinca, uthi ukungabikho kwebala lebhola ekhatywayo elisemgangathweni eMnquma kulibazisa uphuhliso lwabadlali abasakhulayo.

Ebethetha ngoLwesihlanu kumsitho wokwamkelwa koogxa bakhe kwiGalaxy nguMasipala waseMnquma, uNkululeko Malgas osebenza njengomhlalutyi nozozinti uLudwe Mpakumpaku. UMatikinca, uMalgas noMpakumpaku ziinzalelwane zaseGcuwa ebeziyinxalenye yeTS Galaxy eyenze imbali ngokuphumelela indebe yeNedbank Cup emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’1-0 kwinyanga ephelileyo.

Lo nto yathetha ukuthi uMnquma uneentshatsheli zeNedbank Cup okuqala ezimbalini.

Kodwa uMatikinca uyakhala ngoMnquma athi awenzi ngokwaneleyo kwicala lophuhliso.

“Siyacela uMasipala akhe ibala elisemgangathweni ukuze abantwana bakwazi ukudlala,” utshilo uMatikinca.

Uthe eGcuwa kwagqibela ukubakho kwebala elingcono kula ndawo ineFingoland Mall namhlanje.

Kwaye ukwathi kuza kubanzima ukuvelisa abanye abadlali abafana noMpakumpaku xa uMnquma kungekho qela elimele wona kwiABC Motsepe League.

Lo nozinti weGalaxy ngumdlali wokugqibela oveliswe eGcuwa odlala kwizinga eliphezulu kule minyaka ingapha kweshumi edlulileyo.

Usodolophu waseMnquma, uSithembiso Ncetezo, uthe umasipala ubufudula usematyaleni kodwa xa kunamhlanje ukwazile ukuwabhatala, kwaye lo nto ithetha ukuthi uzokwazi ukunika ingqwalasela kwimingeni ejongene nezemidlalo.

UNcetezo uthe baza kusebenzisana neekomiti ezikhoyo zemidlalo ukuqinisekisa ukuba bayancedisa ukuphuhlisa yonke imidlalo eMnquma njengoko incedisa ukususa abantwana kwiziyobisi.

Ukwathathe nethuba lokuba abulele ezi nzalelwane zaseGcuwa ngomsebenzi wazo omhle kwibhola ekhatywayo.

Abanye babantu ebebezimase umsitho, ngumqeqeshi kaMpakumpaku ngexesha esakhula, uDuma Koyana, uAce Ncobo, obengumnikazi weButterworth FC uBanzi Siyongwana, umanejala kaMasipala uSilumko Mahlasela, umqeqeshi weThunderbirds Ladies uThembalethu Apleni nabadlali abasakhulayo.