Ngentseni yangoMgqibelo odlulileyo, abantwana bezikolo abaqikelelwa kumakhulu amabini bathathe inxaxheba kwitumente ebibanjelwe kwaSandile High School, eTsholomnqa, eMonti. Oku kwenziwe nguSuperSport onenkqubo yophuhliso ethi Masidlale.
Kunyaka ophelileyo, uSuperSport wakha ibala lemidlalo entlobo ntlobo kwaSandile ukuze abantwana bakwazi ukudlala baphinde bafunde imidlalo abangayiqhelanga efana neHockey. Kulo nyaka uSuperSport ufundise ootitshala abane izakhono zokuququzelela iitumente ekugqanyiswa kuzo iitalente zabantwana.
Umsebenzi abawunikiweyo ootitshala ube yimpumelelo kakhulu ngoba yonke imidlalo iqhutywe ngendlela ebekucwangciswe ngayo. Inkqubo yosuku iqale ngogqatso lweembaleki obelungumgama oziikhilomitha ezintlanu (5km Fun Run).
Bonke abantwana babaleke ngokukhulu ukudlamka futhi kubonakala ukuba benza into abayithandayo nabayiqhelileyo. ULathitha Klas, 11, ofunda eGrade 5 eSandile Primary School, ubambe indawo yokuqala emantombazaneni.
Kanti yena uNeo Matoto, 19, ofunda ibanga leMatriki eZwelandile High School, ushiye iintanga zakhe emakhwenkweni wabamba indawo yokuqala. Zombini iimbaleki eziphume phambili zivakalise uchulumanco olukhulu.
“Ndonwabe kakhulu ngoba ukubaleka yeyona nto endiyithandayo,” utshilo uLathitha. Emva kwakhe ibinguQhamani Nkathazo no-Uviwe Qina. Naye uMatoto uyivuyele imbasa yakhe yokuqala ayifumeneyo watsho esithi ukuqhubela phambili nokubaleka yinto afuna ukuyenza.
“Ndikhuthazekile. Le nto yokubaleka ndiyiqale kutshanje. Ndizimisele ukumane ndibaleka. Ndifuna ukuthi amajita makadlale nokuba ngowuphi umdlalo ngoba xa engenzi nto, aza kucinga izinto ezimbi ezifana nokutshaya nokuba izinto zabantu. Ukuba ahleli emidlalweni aza kuphumelela afumane imali,” utshilo uMatoto.
Emva kwemini, amaqela amakhwenkwe namantobazana adlale imidlalo yeHockey atsho aphumelela iindebe neembasa. Itumente yinxalenye yephulo likaSuperSport elithi masidlale elijoliswe ekuvumbululeni italente elizweni lonke emidlalweni yezikolo.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’