UMatrose ubuyela kwiChippa United emva kokulaxazwa yi’Orlando Pirates!

Kulindeleke ukuba iChippa United ibhengeze uAzola Matrose njengomdlali wayo kwakhona, itsho iSABC. Oku kulandela isigqibo sokumkhulula uMatrose ekuqaleni kwesizini entsha. UMatrose, 21, wazenzela igama njengomnye wabadlali abaphambili kwiChippa wade watsala umdla wePirates emenze umdlali wayo kwisizini ephelileyo. Nakubeni abantu abaninzi bebenethemba lokumbona esenza ezibukwayo kwiPirates – kodwa akubanga njalo, kuphele isizini engasetyenziswanga nakanye ngumqeqeshi.

Isizathu esivakalayo esibangele ukuba uMatrose angadlaliswa nguJose Riveiro kuthiwa kukonzakala awaya kwiPirates enako. Njengoba uMatrose engumdlali onesiphiwo sokudlala futhi ezimisela xa edlala ebaleni – akucaci ncam ukuba kutheni umqeqeshi engamnikanga ithuba lokudlalela elinye lamaqela amakhulu eMzantsi Afrika.

Okuhle ngoku kukuba uMatrose uza kubuyela kwiChippa United ezinze eGqeberha – apho kulindeleke ukuba azame ukuvuselela isakhono sakhe sokudlala. Ngethamsanqa lakhe ubuyela kwiChippa kukho uKwanele Kopo oncediswa nguThabo September. UKopo ngumqeqeshi okwaziyo ukudlalisa abadlali abaselula ngeminyaka.

Into eza kuncumisa abaqeqeshi kukufika komnye wabadlali abaza kuncedisa kakhulu iifolosi nabadlali basesiswini xa kuhlaselwa. Njengomqeqeshi oyintloko, uKopo uza kuba nezixhobo eziliqela anokuzisebenzisa xa kuqala imidlalo yeBetway Premiership phakathi kwinyanga ezayo.

Icekwa ngoku likuye uMatrose ekufuneka aqale phantsi. Noxa iChippa United ikhulule inqwaba yabadlali emva kokuphela kwesizini ka2023/24, kulindeleke ukuba iqhubele phambili nendlela eqhube ngayo ngoba ibagcinile abaqeqeshi.

Kwisizini yokuqala, uKopo noSeptember benze umsebenzi oncomekayo. Babhelekise iChippa ezembeni ebisokolo iliphepha eminyakeni egqithileyo. Emva kokuba uSiviwe Mpengesi ethe wenza uKopo umqeqeshi oyintloko, kuthiwa umnike uxanduva lokubeka iChippa kwiTop 8 kule sizini.