UMayambela ngumdlali we-Ajax Cape Town!

UMark Mayambela ngumdlali omtsha we-Ajax Cape Town

NgoLwesibini iqela lebhola ekhatywayo laseNtshona Koloni, i-Ajax Cape Town, lamkele umdlali ontsha, uMark Mayambela.

Ezi ndaba zidizwe ngale njikalanga yanamhlanje yi-Ajax kwikhasi layo lonxibelelwano uFacebook.

UMayambela, 28, uchithe iiveki ezimbalwa kweli qela eziqeqesha nalo ngenjongo yokuzama ukuzibonakalisa kumqeqeshi, uRoger Da Sar, ukuba ngenene ulifanele elinye ithuba lokudlala ibhola kumgangatho ophezulu.

Le ndedeba iqale isizini edlulileyo kwiChippa United ezinze eBhayi – apho ivuselele khona ibhola yayo emva kokuchitha ixesha elingephi kwiqela elidlala kwaNFD.

Kodwa kuthe xa kuvulwa inyoba yokuhamba kwabadlali ekuqaleni konyaka [2016] – uMark Mayambela waya kwiSuperSport United.

Khange ahlale thuba lide apho wachithwa yiSuperSport United kanye emva kokufika kukaStuart Baxter ngenxa yezizathu ezoyamene nokuziphatha.

Ngoku ubuyela ekhaya eKapa – apho wafundela khona ukudlala ibhola ekhatywayo. Iinkcukacha ngobude besivumelwano phakathi kuka Mayambela ne-Ajax abudizwanga.

Ngoku eli qela kulindeleke lityikitye uLebohang Mokoena obedlalela iMamelodi Sundowns kwisizini ephelileyo.