UMayambela uthi abazunikezela emva kokungonjwa yiPirates namhlanje eNelson Mandela Bay Stadium

Mark Mayambela of Chippa United and Innocent Maela of Pirates during the Absa Premiership 2017/18 match between Chippa United and Orlando Pirates at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth South Africa on 25 February 2018 ©/BackpagePix

Umdlali ophambili
weChippa United, uMark Mayambela, uyivumile induku emva kokuba iqela lakhe
lingonjwe kanobom yi-Orlando Pirates ngamagowuli amane kwamabini [4-2] kumdlalo
we-Absa Premier Soccer League obutak’iintlantsi ngenjikalanga yanamhlanje
eNelson Mandela Bay Stadium. Nangona uMayambela ebengomnye wabadlali abathe badlale
kakuhle kulo mdlalo – kodwa akakwazanga ukuyihlangula iqela lakhe kwiPirates
elandele ngasemva ngamagowuli. Iqela leMpuma Koloni belizimisele ukufumana
amanqaku apheleleyo phambi kwalo mdlalo kuba lincwase ukubethelela indawo yalo
kwiTop 8. Amagowuli wePirates afakwe zizitshovutshovu zeefolosi, uJustin Shonge
(ofake amagowuli amabini), elinye lifakwe nguBernard Morrison noThembinkosi
Lorch owayekade edlalela iChippa United ngaphambili. Kanti aweChippa United amagowuli
afakwe yindedeba efike kulo nyaka isuka kwiJomo Cosmos, uMxolisi Macuphu, negqala
uKatlekgo Mashego ongene okuzeni kuphela komdlalo

“Besidlala
neqela elidlala kakuhle kakhulu. Ndiyavuma ngamanye amaxesha bekunzima kakhulu
kuthi ukumelana nabadlali bePirates. Kodwa nabo sibasokolisile ngamaxesha
athile emdlalweni ngakumbi kwisigaba sokuqala somdlalo endicinga ukuba
ngesihambe phambili nokuba ngamagowuli amabini. Ibhola ke ngumdlalo ekufuneka uwasebenzise
kakuhle amathuba, ukuba awenzanga njalo – uphulukana nawo umdlalo. Kubalulekile
ke kuthi kwimidlalo enje ukuba sifunde kwiimpazamo esizenzileyo,” utshilo
uMayambela kwiSuperSport TV emva komdlalo.

Iimpazamo ezenziwe
ngamakhwenkwe kaTeboho Moloi zinike iPirates ebilambele impumelelo ithuba
lokunyukela phezulu kumanqwanqwa wePSL. UMayambela uthethe ngeempazamo ezimbi abazenzileyo
bengabadlali ebaleni – kodwa kwangaxeshanye ubancomile oogxa bakhe. “Ngaphandle
kokwenza iimpazamo emdlalweni, kufuneka sikhule siye phambili. Sakuhlala
sibambelela kwizinto ezintle kumdlalo ngamnye esiwudlalileyo. Ndicinga ukuba
abalandeli bethu bawonwabele umdlalo obumhle. Lo ngoyena mdlalo endingatsho
ukuba sidlale kakuhle kuwo kule sizini futhi sizimisele ukulwa ukuze siye
phambili,” utshilo uMayambela

IiChilli
Boys kunyanzelekile zikhawuleze zilibale ngokwenzeke namhlanje eBhayi ngoba
kwiveki eqala ngomso ziya kwiCape
Town City

esokolisayo kakhulu. Ukuba iChippa ifuna ukufezekisa umnqweno wayo wokufumana
indawo kwiTop 8 xa kuphela isizini, kufuneka ifumane indlela yokuphumelela
imidlalo yayo elandelayo.