UMayambela uthi ngeke babaphoxe abantu baseMdantsane ngoba kusesilarheni seChippa United

Mark Mayambela of Chippa United during the Absa Premiership 2017/18 game between Chippa United and Ajax Cape Town at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on 15 April 2018 © Deryck Foster/BackpagePix

UKapteni
weChippa United, uMark Mayambela, uthi imimoya yabadlali iphezulu kwaye iqela
likulungele ukuqokelela amanqaku apheleleyo okokuqala kule sizini entsha.
UMayambela uncokole neentatheli izolo phambi komdlalo we-Absa Premier Soccer
League ojongwe ngamehlo abomvu ophakathi kweChippa United neBlack Leopards
ngentsimbi yesibhozo ebusuku namhlanje eSisa Dukashe Stadium ephuculweyo
ngumasipala waseBuffalo
City
. Iqela likaDan
Malesela lihleli kwindawo yesibini ukusuka emva kuluhlu lamaqela adlala kwiPSL
emva kokuba ibethwe yiBloemfontein Celtic ne-Orlando Pirates ngokulandelelana
kwimidlalo yalo yokuqala kule sizini. Nangona iChippa ingakwazanga ukuzuza nto
kuloo midlalo yomibini – kodwa uMayambela uthi yaba lilishwa nje ukubuya kwabo
bephaca ngoba badlala kakuhle.

“Ewe,
siphulukene nemidlalo emibini ilandelelana – kodwa into endingayitsho kukuba sazama
ukufumana iziphumo ezihle. Saba nelishwa
lokungakwazi ukusebenzisa amathuba kakuhle. Senze iimpazo zokufaka amagowuli
ezipalini zethu ngethuba zidlala neCeltic nePirates. Akululanga ukufunqula
umoya wabadlali emva kweso siganeko – kodwa silifumene ithuba lokuyilungisa lo
nto. Ndingatsho ukuthi umoya wabadlali enkampini mhle; abadlali bazithembile
phambi kwalo mdlalo. Sidlalela eMonti, yindawo esiwaxhelela kuyo amaqela.
Siyabazi abantu baseMdantsane baza kusixhasa. Kunyanzelekile siphumelele
namhlanje ukuze sifumane amanqaku apheleleyo,” utshilo uMayambela.

Nakubeni isizini
isaqala – kodwa into ebalulekileyo enokwenziwa yiChippa kukuphumelela imidlalo
ukuze kuqine iinzame zayo zokuvala isizini kwindawo entle kwiPSL. UMayambela,
ongadlalanga kumdlalo obuphakathi kweChippa nePirates kwiveki ephelileyo
eBhayi, uyakholelwa ukuba abadlali abanamava abathengwe yiChippa bangayinceda
kwiinzame zayo zokulwela indebe kule sizini kwaye lo kufuneka iqale namhlanje
xa bedibana neLeopards engalulanga. “Ewe, ndingatsho ukuba siyilungele iBlack
Leopards. Kunyanzelekile siphumelele kulo mdlalo. Jonga…abaphathi bathenge
abadlali abanamava endicinga ukuba bangalinceda iqela kule isizini. Ngeke
ndiyitsho eyona nto esifuna ukuyiphumelela – kodwa ndingatsho okokuba sifuna
ukuvala isizini kwindawo ephezulu. Sifuna ukulwela indebe kwezi siseza
kuzidlalela; ingayiTelkom okanye iNedbank Cup,” utshilo uMayambela izolo
eMdantsane.