Emva kwexesha elide kusithiwa uKhanyisa Mayo uyafunwa ngamaqela, ude wahamba nyhani kwiCape Town City. Oku kwenzeke emva kokuba uMayo ebhengezwe njengomdlali weCR Belouizdad yase’Algeria.
UMayo unikele umva iBetway Premiership nakubeni bekukho iingxelo ezithi ufunwa yiKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns. Mhlawumbi imali eqikelelwa kwizigidi ezingamashumi amabini erandi (R20-million) yeyona nto etshitshise umkhoka abenawo emaqeleni adlala kwiPSL.
Emva kokutyikitya isivumelwano seminyaka emithathu, uMayo ucacise isizathu esibangele ayokudlalela iqela lase’Algeria. “Iingxoxo phakathi kwam noMongameli weCR Belouizdad zihambe kakuhle kakhulu. Weza ngokwakhe wazokuthetha nam ukuze ndize kwiqela lakhe,” utshilo uMayo kwikhasi lomnatha leqela lakhe elitsha.
“Ebekhona amaqela abenawo umdla kum – kodwa ndikhethe iCR Belouizdada ngoba liqela elikhulu kwisixeko esihle e’Algeria enabantu abanobubele,” utshilo uMayo. Uhamba uMayo engomnye wabadlali abaphambili eMzantsi Afrika kwicala lokufaka amagowuli. Nangona kwisizini ephelileyo efumene ishumi elinanye lamagowuli – kodwa kwisizini ka2022/23 wayenze umsebenzi omhle kakhulu.
Ethetha ekuqaleni kwale veki, uEric Tinkler uthe sebeqalile kwiCape Town City ukulungiselela ubomi ngaphandle kukaMayo obeluncedo kakhulu kwicala lamagowuli. “Yah, uMayo udlale kakuhle kwiisizini ezimbini ezigqithileyo,” utshilo uTinkler ethetha neentatheli izolo.
“Bekusoloko kukho iingxelo ezithi uya kwiSundowns nakwiChiefs. Thina siliqela soze sime endleleni yomdlali xa efunwa. Besiyilindele into eyenzekileyo. Sesiqalile ke ukukhangela umdlali oza kungena endaweni yakhe.
“Umdlali esimfumeneyo akakwazi ukuza apha eMzantsi Afrika okwangoku. Sinalo kodwa ithemba lokuba izinto ziza kusombululeka. UJody Ah-Shene udlala kakuhle phambi kokuqala kwesizini. Nangona sibolekise ngoLuke Daniels – kodwa ukhona uPrince Tjiueza,” utshilo uTinkler olinde nokufika komdlali ekuthiwa nguAmadou Soukouma.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi