Imbethi manqindi eyaziwayo nengekabethwa, uFloyd Mayweather, ibuyela emanqindini emva kwesicelo esenziwa ngabalandeli.
UMayweather uzakuxhimfana noConor McGregor kumdlalo ozakuba nemijikelo elishumi elinambini eLas Vegas kwisithuba seenyanga ezimbini ezizayo.
Ngo-2015, uMayweather wabeka phantsi njengentshatsheli engekabethwa kwimilo engamashumi amane anesithoba.
“Ngabantu abafune lo mlo. Kuye kwanyanzeleka ukuba ndibanike le nto bayifunayo,” kutsho uMayweather.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!