Umphathiswa wesebe lezemidlalo kuzwelonke, uFikile Mbalula uthi, akuzuhlekwa nabantu abangafuni nguqu kwezemidlalo.
UMbalula ebethetha nenginginya ebizimase umsitho wokuphehlelelwa kwenkqubo yophuhliso lwebhola emaphandleni kwibala lemidlalo eUnitra ngolwesithathu.
Ukwanikezele ngeempahla zokudlala kwizikolo zasemaphandleni ezingaphezulu kwe-15, eziquka iMbuqe, Hlabatshane, nezinye. Ibhola yombhoxo, iimbaleki, umnyazi zezinye iintlobo zemidlalo ezixhamleyo.
“Le nkqubo ijolise ekukhangeleni italente ezilalini, izobayimpumelelo kakhulu. Sixhasa umsebenzi oqhubekayo, asiqali nto intsha kuba abadlali abamnyama bayachongwa, kodwa abadlaliswa bephele esithubeni.
NgoMarch kunyaka ozayo kuzobanjwa ukhuphiswano apha kula mabala aseWsu zizikolo zasezilalini nekulapho kuzophunyelelwa izigidi zeerandi zempahla yokudlala” Kutsho Mbalula. Kubongozwe oomasipala ukuba baxhase imidlalo ezilalini basebenzisane neekomiti zemidlalo. Iinkosi zivakalise uchulumanco yile nkqubo yokuphuhlisa imidlalo ezilalini. UKumkani Ndamase Ndamase wamaMpondo asentshona uthe” Siyayixhasa le nkqubo ize nomphathiswa ibonakalisa inkqubela ezilalini. Abantwana bagqibela besiya kwiindawo zentselo ngenxa yokuswela indawo yokudlala. Ukususela ngoku bazoxakeka emabaleni bedlala”.
UBathandwa Pali (16) wesikolo iMount pakard eXhora uthi, le nkqubo yinkuthazo enkulu kwiqela lakhe lombhoxo. uLusanda Bomvana (24) uzoyoqeqeshwa eBloemfontein.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung