Umphathiswa wezemidlalo uFikile Mbalula, izolo ubhengeze ukuba uzakucinga kabini ngokufaka inkxaso kwimibutho emine elawula ezemidlalo kweli, i-Athletics South Africa (ASA), Cricket South Africa (CSA), Netball South Africa (NSA) kunye neSouth African Rugby (SARU).
Isigqibo sikaMbalula siphenjelelwa kukuba le mibutho ingakwazanga ukufikelela kwinqanaba ebelibekiwe lokufakwa kwabantu bebala kwezemidlalo kweli loMzantsi Afrika.
UMbalula ebethetha emva kokufumana iziphumo zesithathu ze-Eminent Persons Group (EPG) ezijongene nokufakwa kwabantu bebala kwezemidlalo.
“Ndithathe isigqibo sokuba ndizirhoxise iimfanelo zale mibutho ikhankanywe ngentla, into esizakuyenza kukuba sizigqatse ukusindleka iitumente zehlabathi zemidlalo njengelizwe loMzantsi Afrika, ngenxa yokuba le mibutho ingafikelelanga kumbono ekujoliswe kuwo ngokotshintsho kwezemidlalo,” utshilo uMbalula.
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup