UMbappe wenza ezibukwayo eRussia

UKylian Mbappe waseFrance noJavier Mascherano weArgentina kumdlalo obuphakathi kwala mazwe UMFANEKISO: EPA/DIEGO AZUBEL

Abadlali abadumileyo nabanobunganga obungumangaliso kwibhola yehlabathi abanjengoLionel Messi noCristiano Ronaldo abakwazanga ukuwahlangula amazwe wabo ekubethweni kwitumente yehlabathi esingathwe yiRussia.

Lo nto iyodwa nje ibaphoxile kakhulu abalandeli bebhola – kodwa kwelinye icala abalandeli bakwamkele ukuvela komdlali waseFrance owenza ezibukwayo kulo nyaka.

Igama lakhe nguKylian Mbappe, ifolosi edlalela iParis Saint-Germain.

UMbappe, oneminyaka elishumi elinesithoba kuphela, unyanzele ukubhalwa ngokutsha kweencwadi zembali yebhola ngethuba enceda ilizwe lakhe iFrance ebethe iArgentina ngo’4-3 kwiveki ephelileyo eKazan Arena.

UMbappe ngoyena mdlali oqinisekise ukuba iFrance ibuyela kwindawo yayo kwibhola yehlabathi ngokufaka amagowuli amathathu kwiNdebe yeHlabathi eseRussia.

Yinto leyo eliphupha lakhe nawuphina umdlali owazalwa ngo’98 – unyaka eyaphakamisa ngawo iNdebe yeHlabathi iFrance.

Akuphelelanga apho ngoba uMbappe ucime imbali yeminyaka engamashumi amathandathu ngokuthi abe ngumdlali wokuqala omncinane ofake amagowuli angaphezulu kwesibini kwiNdebe yeHlabathi ngo2018.

Yagqibela ukwenzeka ngo1958 lo nto, isenziwa nguPele waseBrazil eneshumi elinesixhenxe leminyaka.

UMbappe ukuvuyele ukukhankanywa kwegama lakhe kuluhlu lwamadoda afana noPele enze imbali ebholeni ekhatywayo.

“Ndichulumance kakhulu. Kuyandivuyisa ukuthelekiswa nabantu abakhulu abafana noPele. Ukwelinye inqanaba yena – kodwa kumnandi ukuba kuluhlu lwabantu abenza imbali,” utshilo uMbappe emva kokuthumela ekhaya uMessi kwiveki ephelileyo.

UMbappe usenomsebenzi omkhulu ngoba kufuneka ancede iFrance xa idibana neUruguay kumdlalo oza kube useNizhny Novgorod Stadium ngo’16:00 ngoLwesihlanu.

Impumelelo yeFrance iya kuyisondeza kwimidlalo yokugqibela, apho wonke umntu ojongileyo ukuba leliphi ilizwe eliya kuthwaliswa isithsaba.

Imidlalo yeNdebe yeHlabathi:

NgoLwesihlanu: Uruguay vs France @Nizhny Novgorod Stadium, 16:00; Brazil vs Belgium @Kazan Arena, 20:00

NgoMgqibelo: Sweden vs England @Samara, 16:00; Russia vs Croatia @Sochi, 20:00