Imbethi-MANQINDI enekamva elikhazimlayo, uThulani Mbenge, ifumene ithuba elinqabileyo lokulwa kwilizwe laseMelika kunyaka ozayo.
Lo kaMbenge uyintshatsheli yeSA welterweight kwaye akakabethwa kwimilo elishumi elinambini. UMbenge ubonwa njengenye yeembethi-manqindi ekulindeleke ziziqaqambise kwihlabathi.
Umthelekisi waseMelika, uLou DiBella, ulungisa onke amaxwebhu afuneka phambi kwalo mlo okwinyanga yokuqala ngo-2018.
“Eli lithuba elihle likaMbenge. ULou yindoda evelisa iintshatsheli zehlabathi. Yiyo lo nto kubalulekile ukwenza umsebenzi wakhe kakuhle uMbenge,” utshilo uRodney Berman.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?