UMbenge ujonge intshinga yoMzantsi Afrika

Imbethi manqindi yaseMdantsane ezinze kwiphondo laseGauteng, uThulani “Evolution” Mbenge, ugxeleshe intshinga yelizwe emva komlo wakhe kule nyanga.

Le ndedeba izenzele igama kudidi labangahlawulwayo nalapho yabuya nembasa kwimidlalo yeCommonwealth ngonyaka ka-2014.

Kwimilo emihlanu athe wathatha kuyo inxaxheba ukusukela kunyaka ophelileyo nalapho ethe wangena kudidi labahlawulwayo, ubangqengqise bonke abacela umngeni kuye.

Umququzeleli ophala phambili eMzantsi Afrika nozakube esindleka le tumente ibizwa “Prospects at the Palace III” ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga, uRodney Berman, uthe “ unikisa umdla lo mfana. Into endiyithandayo ngaye yinto yokuba uyonwabisa xa umbukele, uthi ndijonge, awuyazi uzakugibisela ntoni. Kusekusasa kwikamva lakhe kudidi labahlawulwayo kodwa ubonakalisa iimpawu zegokra.

Ikamva lakhe liqaqambile, iziphumo zalo mlo zizakusinika umkhombandlela. Ukuba uphumelele angafumana ithuba locela umngeni kwintshatsheli yelizwe kwiWelterweight Ushaun Ness”.

Kumlo omkhulu wosuku:

Intshinga yeli kudidi lweWelterweight kwimijikelo elishumi elinambini

.Shaun Ness uzakuqubisana noAyanda Mthembu

Kumlo osekela omkhulu kudidi lweMinimum Flyweight kwimijikelo esibhozo

.Deejay Kriel uzakulwa uMthobisi Nkosi

Kudidi lweWelterweight kwimijikelo emithandathu

.Thulani Mbenge uzakuqubisana noZenzile Mtanze

Kudidi lweBantamweight kwimijikelo emithandathu

.uJoshua Studdard uzakulwa uMorapedi Khotle

Kudidi lweJunior Featherweight kwimijikelo emithandathu

.uLaduma Lamati uzakuqubisana noKoos Matshiye

Kudidi lweJunior Lightweight kwimijikelo emine

.Lucky Mongebane uzakuqubisana noCaiphis Thomas

Kudidi lweLight-heavyweight kwimijikelo emine

.Chaz Wasserman uzakulwa noFiston Kabamba

Kudidi lweJunior Middleweight kumjikelo emine

.USterling Shaw alwe uJohn Bopape