UMbenyane ufuna amanqaku apheleleyo kwiMamelodi Sundowns

Andile Mbenyane of Chippa United, during the Absa Premiership 2018/19 game between Chippa United and Orlando Pirates at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on 8 August 2018 © Deryck Foster/BackpagePix

Ifolosi yeChippa
United, uAndile Mbenyane, uthi kubalulekile ukuba iqela lakhe liqokelele
amanqaku apheleleyo emdlalweni wangomso. Ngentsimbi yesibhozo ebusuku, iChippa
United iza kuxikixana neMamelodi Sundowns kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League okulindeleke ukuba utsale inyambalala yabalandeli eSisa Dukashe Stadium.
Ngumdlalo oza kuba nzima kakhulu – kodwa iChippa inokunikwa ithemba kukuba
zange yabethwa yiSundowns xa idlalela eMdantsane kwaye nayo (iDowns) iza isazi
ukuba akululanga ukudlalela eSisa Dukashe Stadium. IiChilli Boys zihleli
kwindawo yeshulu elinanye, ngoku zikhangela indlela yokunyukela ngasentla
kwiPSL.

UMbenyane uthethe
namajelo endaba ngamalungiselelo nangokulindelekileyo emdlalweni wangomso
(ngoMgqibelo). “Sibethiwe yiPirates kumdlalo (weTelkom) nayiHighlands Park.
Kubalulekile kakhulu kuthi, singabadlali, ukuqokelela amanqaku ukusukela ngoku
ukuya phambili. Akukho mahluko ungako phakathi kwethu namaqela asezantsi
nelisentla kwethu. Xa sinokufumana impumelelo; lo nto ingasibeka endaweni
entle. Yiyo lo nto kubalulekile ukuphumelela kuthi. Sifuna amanqaku apheleleyo –
kodwa ke sakulithatha nelinye xa kusenzeka,” utshilo uMbenyane.

Umqeqeshi weChippa,
u-Eric Tinkler, uthi unethemba lokuba inkxaso yabalandeli iyakuba yinkuthazo
ebadlalini bakhe xa bedlala neSundowns. UTinkler, okwazileyo ukuyincothula iChippa
United ayifumene isokola ekugqibeleni emva kokugqwidiza ekuqaleni kwesizini,
uthembele lokuba abalandeli nokudlala neqela elikhulu kwakubakhuthaza abadlali
bakhe badlale kakuhle. “Kumnandi ukubuyela eMonti, ndinethemba lokuba izinto
zakusihambela kakuhle. Ndiqinisekile abantu baza kugcwala; lo nto iza
kukhuthaza abadlali badlale umdlalo omhle xa bedibene neqela elikhulu. Ukuba
iingqondo zethu sizibethelela emdlalweni wethu, singakwazi ukuzuza iziphumo
ezincumisayo,” utshilo uTinkler.