Umbhoxo: Kulindeleke umdlalo onzima

Impelaveki inye yile. Kuza kuqhawuk’ unobathana xa kudibana iLions neFree State Cheetahs emdlalweni wamagqibela kanqoyi weCurrie Cup oza kube useBloemfontein.

Umqeqeshi weLions, uIvan van Rooyen, ubona umdlali wempelaveki njengethuba elihle kakhulu elifanele kukusetyenziswa liqela lakhe.

ILions iya emdlalweni wokugqibela weCurrie Cup emva kokubetha iGriquas ngo’34-19.

Kanti yona iCheetahs ibethe iSharks.

“Sikwazile ukulibetha eli qela kwezi veki zidlulileyo. Linabadlali abadlala kakuhle kakhulu. Umdlalo uza kuba nzima kodwa lithuba lokuba siphumelele.”