Umbhoxo wamanenekazi ukwelinye inqanaba

Umanejala wombhoxo wamanenekazi kwiBorder, uNandipha Manjezi, uthi bazimisele ukuwuphuhlisa umbhoxo wamanina. UManjezi ukuthethe oku emva kwemidlalo yokuqala yamanenekazi equka amaqela alishumi kwiBorder League.

“Siqale le League ngeenjongo zokuphuhlisa umbhoxo wamanenekazi kule ngingqi yethu. Sifuna ukuwusa kwinqanaba eliphezulu umbhoxo wamanenekazi kwiBorder,” utshilo uManjezi.

Le ntokazi icinga ukuba imidlalo iya kwenza umahluko omkhulu kumanenekazi adlala umbhoxo.

“Ukubadlalisa qho ngempelaveki kuza kubasindisa kwizinto ezingalunganga ezifana nokusela utywala nezinye izinto ezingayingozi ebomini babo.

Umbhoxo wamanenekazi uphela kwinyanga yoMnga. Xa kuphela kwale League, kuqala imidlalo yabadlali abasixhenxe,” utshilo uManjezi.

Umqeqeshi weWalter Sisulu University Baby Blacks, uLubabalo Mzwakali, uliqhwabele izandla iphulo leBorder lokudlalisa amanenekazi rhoqo.

“Intle into eyenziwa yiBorder yokugcina amanenekazi emabaleni. Ndiyakholelwa ukuba uza kukhula umbhoxo wamanenekazi kakhulu,” utshilo uMzwakali.

Nangona eyivuyela eyokudlaliswa kwamanenekazi uMzwakali – kodwa uthi awaxhaswa ngokwaneleyo ngokwezezimali.

“Ewe, ndiyavuma ayalinikwa ithuba lokudlala amanenekazi – kodwa akayifumani inkxaso kwicala lemali. Norhulumente akawaxhasi ngohlobo axhasa ngalo amadoda,” utshilo uMzwakali.

Umanejala weqela laseQonce, iHome Defenders, uKamvelihle Daki, uthi izinga lombhoxo wamanenekazi liza kunyuka.

“Ibalulekile kwiqela lethu le midlalo. Sichulumance kakhulu ukuba yinxalenye yayo,” utshilo uDaki.

IBorder Womens League inamaqela alishumi. Iqela elitshatsheleyo liza kudibana neentshatsheli zaseMthatha. Le midlalo iza kudlalwa rhoqo ngeMigqibelo.

Nanga amagama wamaqela: YiWSU Baby Blacks (Monti), iWSU Baby Blacks (Gcuwa). IHome Defenders, iCrusaders, iHurricanes, iMdantsane Ladies, iWinter Rose, iPellecens, iPenguins neForte Hare University.

Iziphumo: WSU Baby Blacks 24- 14 Home Defenders; Ngqamakhwe Eagles 40-0 Pellicens.