Abadlali bombhoxo abaninzi abamnyama eMpuma Koloni banephupha lokudlala kwinqanaba eliphezulu.
Ichasele okwethamsanqa lo nto ngenxa yokungaqini kwenkqubo yophuhliso kweli phondo ngenxa yokunqaba kwenkxasomali kumaqela akumgangatho ophezulu, kodwa konke oko akusityhafisi isizukulwana esikhoyo.
Ngoku abadlali bombhoxo abasenamaphupha nabazimisele ukuqinisa umbhoxo kweli phondo basebenzisa iEastern Cape Super 14 njengeqonga lokulola izakhono zabo zokudlala umbhoxo benethemba lokuba ngenye imini kwakuthi kufike abachongi abanokubasa kwiindawo ezibhetele.
ULungisile Mbiko, 24, ngomnye wabadlala umbhoxo benethemba lokuguquka kwezinto.
“Ngunyaka wesithathu lo ndidlalela iYoung Leopards yaseDucats, eMonti. Ndaqala ukudlala umbhoxo ndisemncinane eNdakana, eCumakala. Yaba yinto endiyithandayo emva kokubukela abadala kunam,” utshilo uMbiko kweli phephandaba.
Emva kweminyaka emithathu edlala umbhoxo eMpuma Koloni, umfo kaMbiko ubalule izinto ezintle zodwa azifundisiweyo ngabaqeqeshi bakhe.
“Kumnandi ukudlala umbhoxo ngoba kundisindisa ezintweni ezininzi. Ndisoloko ndixakekiswe yimidlalo. Kukho umahluko omkhulu emdlalweni wam xa ndiwuthelekisa nangokuya ndandisaqala. Kweli qela ndikulo ngoku, ndifundiswe indlela echanekileyo yokudlala umbhoxo. Ngoku ndingumdlali wombhoxo ongcono kakhulu kunakuqala,” utshilo uMbiko.
Kwiveki ephelileyo, iLeopards yakhe ibethe iPark ngo’27-22 kodwa ngelishwa, ayikwazanga ukuzibekela indawo kwisigaba esilandelayo.
“Kusivuyisile ukuphumelela umdlalo ngoba ngamadoda lawa ebesiqala ukudlala nawo. Eze kuthi ezokusitya, qha ke sincedwe kukudlala ngokubambisana nathi ukuze siwabethe. Kodwa ndingatsho ukuthi sifunde nto nathi kubadlali bePark,” utshilo uMbiko.
Nangona iBorder Bulldogs iqhwayela emva okweenkukhu kodwa abadlali bombhoxo abasakhasayo basayibona njengendawo ebhetele enokubanceda.
“Ndirhalela ukubonwa nangamanye amaqela ombhoxo afana neBorder ukuze ndingahlali ndawonye. Kodwa elona qela endinqwenela ukulidlalela ebomini bam siStormers ngoba linabadlali endibathandayo kakhulu kwaye indlela edlala ngayo umbhoxo ihambelana nale ndlela endidlala ngayo mna,” uvale ngaloo mazwi uMbiko.
Iziphumo zeSuper 14: Bombers 36-22 Old Selbornians; Leopards 27-22 Park; Ncerha Leopards 16-9 Black Eagles; Breakers 12-57 Harlequins; T/Stars 10-36 Gardens Kruisfontein 38-34 EL Police.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!