Umbutho weqakamba ufuna abadlali abamnyama

Ibhodi yabalawuli beCricket iSouth Afirica igqibe kwelokuba ilandele ekhondweni leSARU ngokuthi ufake umthetho onyanzelisa ukuhlonitshwa kwemiqathango elindeleke kwiqela lesizwe.

Le nto ithetha ukuthi inkqubo yokuxutywa kwabadlali izakuqala ukusebenza kwiProteas. I-CSA kusalindeleke ukuba iqale ibhengeze inani labadlali bebala abalindelekileyo ukuba batyunjwe. Le nkqubo ibiqalile ukusebenza kwisizini ephelileyo kumaqela amancinci esizwe, nalapho bekuthiwe iqela ngalinye malifake ubuncinci abadlali abathandathu bebala. Kweli nani bekuyalelwe ukuba abadlali abathathu ibe- ngabadlali abamnyama.

“Kwixesha elidlulileyo khange sibe namiqathango kumaqela esizwe, kodwa njengokuba kutshintsha izinto siyaqonda ukuba kunyanzelekile, sihambe namaxesha, utshilo umongameli weCSA uChris Nenzani.“Awona manani anyanzelekileyo aza- kuxhomekeka kumsebenzi ozakuthi wenziwe ziikomiti ezithile, ezizakugqiba ukuba sesiphi isigqibo esinyanisekileyo, nesiza kuvulela wonke umntu.”