Umbuzo: Ngubani oza kuqeqesha AmaBhokobhoko?

UMzwandile Stick lisekelamqeqeshi kwiSpringbok. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umbuzo abajikajikana nawo abalandeli bombhoxo eMzantsi Afrika uthi: ngubani oza kuba ngumqeqeshi waMabhokobhoko emva kukaJacques Nienaber? Lo umbuzo okanye ingxoxo eyahlule abantu phakathi ivele emva kokuba uNienaber exelele iSouth Africa Rugby Union (Saru) ukuba uza kubeka phantsi njengomqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo emva kwetumente yehlabathi eza kubanjelwa eFrance ekuthambekeni kwalo nyaka. Ukuhamba komqeqeshi sele kuqinisekisiwe yiSaru ethe iza kuchonga umntu walapha eMzantsi Afrika. Indedeba yakwaNienaber yangena endaweni kaRassie Eramus owayeqeqesha AmaBhokobhoko awabuya nendebe yehlabathi eJapan ekupheleni kuka-2019. Wanyuselwa emva kokuba lisekela likaRassie kwiqela lesizwe.

Iingxelo zithi uNienaber ulibangisa kwizwekazi laseYurophu – apho aza kuba ngumqeqeshi oyintloko weqela elikhulu ekuthiwa yiLeinster lase-Ireland edlala phantsi kweVodacom United Rugby Championship. Ukuhamba kukaNienaber kubaxhalabisile abantu abaninzi ngoba unethuba elide esebenza noRassie okunokwenzeka azichithe naye iintente eMzantsi Afrika emva kwetumente yehlabathi noxa kungekabikho nto etshoyo. Ukuchongwa komqeqeshi omtsha kubekwe emagxani kaRassie ngoba nguye intloko yeSaru. Phakathi kwabantu ekunokwenzeka bafumane icham nguDeon Davids noMzwandile Stick. Bobabini bebengabaqeqeshi abancedisayo phantsi kukaRassie nakuNienaber oza kubeka phantsi iintambo.

Nangona uDavids noStick besaziwa embhoxweni waseMzantsi Afrika – kodwa abanamava oneleyo kwinqanaba eliphezulu ngoba babeqeqesha iSouthern Kings yaseGqeberha eyabhangayo eyadlala phantsi kweSuper Rugby nePro14. Amadoda anamava agacileyo aquka uJohn Dobson oqeqesha iDHL Stormers noJake White weVodacom Blue Bulls. “Ukuqeqesha iStormers yeyona nto ephambili kum ngoku. Kodwa ukuba liyavela ithuba lokunceda AmaBhokobhoko, ndingalithakazelela kakhulu,” utshilo uDobson ethetha nolindixesha wombhoxo kutshanje. Kanti yena uWhite unethuba elihle ngoba uMzantsi Afrika wakhe waphumelela itumente yehlabathi phantsi kwakhe.