UMcCarthy akazifuni iimpazamo emdlalweni weNedbank Cup

Benni McCarthy, head coach of Cape Town City and his assistant Rayaan Jacobs during the 2019 Nedbank Cup media day for Cape Town City at Hartleyvale in Cape Town on 13 February 2019 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umqeqeshi weCape
Town City
, uBenni McCarthy, ufuna abadlali
bakhe bacuthe iimpazamo phambi kwepali xa bedlala umdlalo weNedbank Cup
ngempelaveki. ICity iza kuxikixana neHighlands
Park
esokolisayo
emdlalweni ekulindeleke utak’ iintlantsi ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngomso
(Lwesihlanu) eCape Town Stadium. Emva kokuphakamisa indebe yeMTN 8 kunyaka
ophelileyo – iCity inomnqweno wokuqhuba kakuhle nakwiNedbank Cup. Kodwa indlela
eya phambili yamakhwenkwe kaMcCarthy kufuneka igqithe kwiHighlands Parks
ethande ukukelema mvanje emidlalweni yayo. Nakubeni iCity ikhe yanexesha elide
iphumelela imidlalo – kodwa ukubethwa kwayo ngaMaZulu kwiveki ephelileyo, kuza
kuyinyanzela ukuba itshintse igiya.

Umdlalo ophakathi
kweCape Town City neHighlands Park
uzakuba ngumlo ngoba iCity iza kufuna ukuziphindezela emva kokubethwa
yiHighlands emdlalweni we-Absa Premier Soccer League. “Sagqibela ngokubethwa
yiHighlands emidlalweni yePSL. Kwakunzima kakhulu kuloo mdlalo – kodwa andizami
ukukhangela isebe lokusithela. Yasibamba – kodwa izinto ziza kujika ngoLwesihlanu.
Siliqela elibumbeneyo ngoku xa sithelekisa nangexesha esasidlala nayo ngalo,”
utshilo uMcCarthy ethetha neentatheli eKapa izolo.

“Umdlalo
uza kubanzima. Kufuneka siwalungise amakhwenkwe ngokwasemzimbeni nasengqondweni
ukuze awulungele umdlalo. Kungakuhle ukuba abadlali bethu bangadlala ngendlela
abadlale ngayo ngethuba sidlala naMaZulu – kodwa kweli ityeli, kufuneka siwasebenzise
kakuhle amathuba,” uvale ngaloo mazwi uMcCarthy.