Umqeqeshi weCape Town City, uBenni McCarthy, uzakulala encumile kobu busuku emva kokuphumelela kweqela lakhe nokubetha umqeqeshi wakhe wamandulo – uGavin Hunt. ICape Town City ithe ngcu enkcochoyini ye-Absa Premier Soccer League emva kokuba ibethe iintshatsheli ezikhuselayo, iBidvest Wits, ngo’1-0 kumdlalo obuseBidvest Stadium kwimizuzu embalwa edlulileyo. Nangona bekukho ingqele eqhaqhazelisa amazinyo eGoli – kodwa abalandeli bebhola bebegcwalise ibala. Uninzi lwabo lugoduke lunxubile emva kokubethwa kweWits eyeke amathuba aliqela kulo mdlalo. Igowuli lempumelelo lize noLehlohonolo Majoro kwisigaba sokuqala somdlalo. Nangona iCape Town City ingadlalanga umdlalo oncumisayo – kodwa ifumene amandla okuya kumdlalo wayo olandelayo emva kwempumelelo yanamhlanje.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iCape Town City ihamba phambili ngegowuli elinye yabe yona iWits isankonye iqanda. ULehlohonolo Majoro nguye oze negowuli ekuphela kwalo kwisigaba sokuqala salo mdlalo. Amakhwenkwe kaGavin Hunt aqale umdlalo ngesantya esiphezulu njengokuba eqhele ukwenza xa edlalela ekhaya. UVincent Pule no-Elias Pelembe bebengalawuleki kwaye bebehlasela macala onke emdlelweni – kodwa kuyo yonke loo mizamo yabo baye bathintelwa ngabadlali beCape Town City abangavumanga kwaphela phaya emva. Iqela likaBenni McCarthy belingekwazi ukudlala ngokukhululekileyo futhi kungekho mathuma amaninzi elikwazileyo ukuwadala ngenxa yeWits eyingozi kakhulu enkundleni yayo xa isiya phambili. Umahluko uzokuthi gqi kumzuzu wamashumi amane ngethuba uLebohang Manyama esusa ibhola ebibekwe phantsi kwicala lasekunene ethe yadibana nentloko kaMajoro. Ihleli emnatheni loo bhola kwathuleka kwathi cwaka eBidvest Stadium ebigcwele ngabalandeli.
Isigaba sesibini sinike umdla naso ngoba yiWits equqe ibuyelela kumhlaba weCitizens ngoba ibifuna igowuli lokulinganisa. UKeene ungcangcazelise umnatha kumzuzu wokuqala kwisigaba sesibini somdlalo – kodwa usompempe akalivuma kuba esithi kukho olaleleyo. Ifumene ipenela iWits kwangoko emva kokuwiswa kukaMhango. Ibethwe ngamanqindi nguShaib Walters loo bhola yakhe uMhango yabuyela ebaleni. Abadlali beCity bazamile ukudlala umdlalo ozinzileyo kwaye oya phambili – kodwa ibingenzeki ngamaxesha onke lo nto bebegadiwe kakhulu ngabadlali beWits. Ukungena kukaMhango, uDaine Klate noSteven Pienaar kuwenzile umahluko kwicala lo mdlalo ngoba iWits idala amathuba amaninzi. Nangona iWits ibinothotho lwamathuba okufaka amagowuli – kodwa ayikwazanga ukuwasebenzisa kwade kwasekugqibeleni. Akukho nto ingako eyenziwe yiCity ngaphandle kokukhusela igowuli layo kulo mdlali ngoba yiWits ebilawula umdlalo kwizigaba zozibini zalo mdlalo.
Bidvest Wits: Josephs, Hlanti, Hlatshwayo, Khumalo, Frosler, Scott, Monare, Pelembe, Pule, Claasen, Keene
Amalalela: Peters, Klate, Mhango, Mlambo, Pienaar, Kodisang, Ntshangase.
Cape Town City: Walters, Edmilson, Johannes, Gumede, Mkhize, Nodada, Matsi, Putsche, Manyama, Masina, Majoro
Amalalela: Stephens, Kobola, Seedat, Fielies, Lakay, Patosi, Koapeng.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo