Owayeyifolosi ephambili yaBafana Bafana, uBenni McCarthy, ucacise imvelaphi yokoyanyaniswa kwakhe nesikhundla sokuqeqesha kwiMamelodi Sundowns. Emva kokugxothwa kukaRulani Mokwena ekupheleni kwesizini yePSL kwiinyanga ezigqithileyo, igama likaMcCarthy beliphakathi kwabantu ekucingeleka ukuba bangachongwa phambi kokunikwa kukaManqoba Mngqithi oxhuzula imikhala ngoku.
Konke oku kuvele emva kokuba uMcCarthy ekhululwe yiManchester United – apho ebengumqeqeshi ojongene neefolosi. Emva koko waye watsho ukuba angakuvuyela ukuqeqesha iqela elidlala kwiChampions League ngoba uziva ekhulile. Ethetha neentatheli emcimbini weCarling Black Label obuseGoli, uMcCarthy uvumile ukuba wakhe wadibana noFlemming Berg ophetheyo kwiSundowns.
“Kwakukho into ethi uBenni uya kwiKaizer Chiefs. Kwakungekho nyaniso kuloo ncoko. Andizange ndathetha neSundowns ngomsebenzi. Zange kubekho ngxoko futhi ndicinga ukuba inabo abaqeqeshi abanamava,” utshilo uMcCarthy. Igama likaMcCarthy lakusoloko lisemilebeni yabantu emva kokuba iSundowns ingakwazanga ukuphumelela iMTN8 Cup neCarling Knockout Cup ebethwe kuyo yiMagesi FC emdlalweni obuseBloemfontein kwinyanga ephelileyo.
UMcCarthy uqinisekisile ukuba akukho nto phakathi kwakhe neSundowns. “Ndifuna ukubaxelela abaqeqeshi ukuba mabasebenze ngomzimba ongenaxhala. Abakwenzayo abakwenzeli iSundowns kuphela, bakwenzela ilizwe lonke,” utshilo uMcCarthy oqeqeshe AmaZulu neCape Town City kwiminyaka edlulileyo eMzantsi Afrika.
Ecacisa ngokudibana kwakhe nomphathi weSundowns, uBenni uthe badibana kwisikhululo seenqwelomoya saseNgilane esendleleni eya eWales – apho ebesenza khona izifundo zakhe zokuba ngumqeqeshi. “Endleleni yam enqumla eNgilane, sadibana noBerg kwisikhululo seenqwelomoya. Incoko yethu yayingekho ngeSundowns. Nam ndiyabona kutheni abantu bekrokra. Kanti saqala ukwazana phaya koo2004 ndisadlalela iFC Porto,” utshilo uMcCarthy.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!