Emva kokubethwa
imidlalo emine ilandelelana, umqeqeshi weli qela, uBenni McCarthy, uyavuma
ukuba uxinizelelo beseluvakala kuye . Eli qela laseKapa libethe iFree State
Stars ebiqhuba kakuhle ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obudlalelwa e-Athlone Stadium ngoLwesithathu. Igowuli elinye emdlalweni
elifakwe nguTaarig Fielies lilo elinike abadlali beCity ithuba lokuphefumla
kwakhona. Ukusukela mhla iCitizens zabethwa yiSuperSport United kumdlalo
wamagqibela kankqoyi weMTN 8 zange idlale kakuhle kwakhona kwaye lo nto ifake
uBenni phantsi koxinizelelo emva kokuvula isizini ka-2017/18 kakuhle.
“Besendiyiva
intambo apha emqaleni (eqhula). Endingakuthetha kukuba ndiyawamkela amanqaku
amathathu esiwafumeneyo futhi ndiyayivuyela impumelelo. abadlali badlale
umdlalo ophucukileyo. Bekungekuhlanga kwaphela; akululanga ukuzama ukudlala
ibhola entle nokuphumelela imidlalo emva kokuphulukana nemidlalo emine
ilandelelana,” utshilo uMcCarthy.
“Le
mpumelelo isinika ithuba lokuphefumla, le mpumelelo ibaluleke ngaphezulu kunazo
zonke iimbasa endakhe ndazifumana kwikhona lam lebhola ekhatywayo. Uvuyo endinalo
lungaphezulu kunangokuya besiphumelela imidlalo emithandathu ekuqaleni kwale
sizini,” utshilo uMcCarthy.
kakhulu – kodwa yathi yakukhubeka kumdlalo omnye izinto zambi ngakumbi. Kuye kwanyanzeleka
uBenni athethe nabadlali bakhe ukuze babuyisele indlela ababedlala ngayo
ekuqaleni kwesizini. Njengokuba kudlalwa imidlalo yeTelkom Knockout kule
mpelaveki, iCity iyakudlala umdlalo wayo olandelayo neBaroka FC ngomhla
wamashumi amabini anesibini kule nyanga.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!