Abalandeli bombhoxo abaninzi eMzantsi Afrika abazukwazi ukubukela umdlalo ophakathi kweSpringbok neNew Zealand. Oku kuqinisekiswe nguMphathiswa weZemidlalo, uMnu. Gayton McKenzie, namhlanje. Amabhokobhoko alungiselela ukudibana neNew Zealand emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship ekulindeleke ukuba utake iintlantsi eDHL Stadium, eKapa, ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo. Lo mdlalo ulandela owokuqala obuseGoli – apho uMzantsi Afrika ubethe iNew Zealand ngo’31-27 emizuzwini yokugqibela ngoncedo lukaGrant Williams.
Kwiveki ephelileyo, abantu abaninzi bafumene inyhweba yokubukela umdlalo kuSABC2 emva kokuba uMphathiswa ezakuzele iingxoxo zokuthengiselana phakathi kukaSABC Sport noSuperSport TV amalungelo okusasaza ngqo imidlalo yeqela lesizwe lombhoxo. Ngelishwa uMcKenzie uthi isivumelwano seveki ephelileyo khange siwufake owale iveki. Lo nto ithethe ukuthi abantu abangenayo iDStv abazukwazi ukubukela owona mdlalo ekulindeleke kuliwe kuwo ngaphezulu kodlulileyo.
“Ibiyinto yeveki ephelileyo – kodwa ndiyathetha nesigqeba esiphethe uRhulumente ukuze senze umsebenzi wethu,” utshilo uMcKenzie emva kokuphehlelela inyanga yamagugu esizwe. “SinguRhulumente kufuneka siyihoye into efunwa ngabantu. Asikwazi ukuphisa ngayo kanje into yabantu. Siza kuyilwa into yekuchwethelwa kwabantu ecaleni kuba bengakwazi ukubhatala iDStv. Ndithetha nabachaphazelekayo ukuze abantu bonke bakwazi ukubukela imidlalo yombhoxo yonke equka neqakamba,” utshilo uMcKenzie engaqali.
Yiminyaka abantu baseMzantsi Afrika bengakwazi ukubukela imidlalo yeqakamba neyombhoxo kuba bengenayo imali yokuthenga iDStv. Abaphathiswa bangaphambili bathembisa ngokuyilungisa le ngxaki – kodwa bakha phantsi isitya sigcwele. UMcKenzie uthi uRhulumente wobumbano uza kwenza imigushuzo. “Phantsi kwalo uRhulumente, siza kukwamkela ukugxekwa. Into ekufanele siyenze siyayazi. Asikwazi ukusonga izandla abantu bangayibukeli imidlalo yamaqela esizwe,” utshilo uMcKenzie.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi