UMdatya FC ugqugqisile kwitumente yaseBizana

UMdatya FC (kwikiti ebomvu) uzibambele indebe emva kokuphumelela itumente eBizana

Iqela lebhola ekhatywayo ekuthiwa nguMdatya FC lithweswe isithsaba emva kokutshatshela kwitumente yosuku ebibanjelwe kwilali yakwaMpiso ephantsi kwedolophu yaseBizana.

Amaqela ebhola amahlanu akhuphisene kwimidlalo eqingqithe imini yonke ngempelaveki edlulileyo kwitumente ethe yaququzelelwa ngelizama ukubhiyozela inkululeko eyazuzwa nguMzantsi Afrika kwisithuba seminyaka engamashumi amabini anesihlanu.

Itumente igqityezelwe kwiveki ephelileyo emva kokuhlehliswa ngenxa yezandyondyo zemvula ezikhe zahlasela kakubi iindawo ezithile kwiphondo leMpuma Koloni.

Amaqela athathe inxaxheba kwitumente yosuku ibe yiMdatya FC, iMakhwantini FC, iBaleni FC, iBisosa FC neKhanyayo FC.

Emva kokudibana kwamaqela kwimidlalo yokugabula izigcawu, amaqela aye afumana ithuba lokudlala umdlalo obalulekileyo ongowokugqibela iye yanguMdatya FC neqela ekuthiwa yiBaleni FC. Aswantsulisene kwanzima imizuzu engamashumi alithoba – kodwa ekugqibeleni kuye kwaphumelela uMdatya ngamagowuli amathathu kwelinye (3-2).

Iqela eliphumeleleyo ligoduke nendebe ekhatshwe liwaka elinamakhulu amahlanu eerandi (R1500).

Yona iBaleni ebambe indawo yesibini ifumene iwaka leerandi (R1000) neembasa zesilivere. Umququzeleli wetumente, uBongile “Ace” Gqamane, uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba umgangatho wetumente ubuphezulu, kodwa kubekho iziphene ezenziwe ngoosompempe emidlalweni ezifuna kubekho imfundiso ngokuphathwa kwemidlalo phambi kwetumente yonyaka ozayo.

“Umgangatho ubuphezulu kakhulu. Amaqela adlale kwitumente yethu aphume kwimibutho ephantsi kukaSafa. Enye yezinto ezincomekayo ibe bubukho babantu abe bebukele imidlalo. Ndiyabacela abantu bayixhase itumente yethu ngoba kunyaka ozayo sifuna ibe nkulu njengokuba siza kuyenzela eMakhwantini. Into ekufanele sisebenze ngakumbi kuyo kukufundisa oosompempe indlela eyiyo yokuphatha imidlalo. Zibe khona iingxaki emidlalweni kodwa ngethamsanqa, siye sakwazi ukuqubisana nazo. Ikhona imfundiso efunekayo ukuze siphucule umgangatho womsebenzi wabo ebaleni,” utshilo uGqamane.