UMdatyulwa uthathwe yiChippa

ULunathi Mdatyulwa ngumdlali weChippa United opheleleyo.

Lo mdlali utyikitywe yiChippa emva kokuzibalula kwiNedbank Ke Yona yalo nyaka.

UMdatyulwa ngumdlali wokuqala kwiqela labadlali abaveliswe yiKe Yona othathwe liqela elidlala kwiPSL.

“Ndifuna ukuthi enkosi kuNedbank ngokundinika ithuba elinje ebomini bam. Ukufikelela kwinqanaba endikulo kunzima kakhulu. Ndizimisele ukubamba ngezandla zozibini ithuba endilifumeneyo,” utshilo.