Umdlali waseNgcobo wenza ezibukwayo kwiqela lesizwe

Ifolosi yaseNgcobo, * -Oyisa Marhasi, uzenzele igama kwiqela lesizwe lamantombazana

Nangona iqela loMzantsi Afrika labasetyhini abangaphantsi kweeminyaka elishumi elinesixhenxe, “Abantwana”, libethiwe kumdlalo wamanqam weCOSAFA Under 17 Women’s Championships kodwa uDumisani Gcina akawuvali umlomo ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe yifolosi yakhe, uOyisa Marhasi, waseNgcobo.

Abantwana babethwe yi-Uganda ngo’2-1 emdlalweni obubanjelwe eMauritius. UGcina ngumqeqeshi weqela ekuthiwa yi-Eluhewini Ladies elidlalelwa nguMarhasi kwiSasol League.

“Ndiyavuya kukuvela kuka-Oyisa ebholeni eselapha eNgcobo ngoba amaxesha amaninzi abadlali balapha ephondweni babonakala kumaqela esizwe sele bedlala kwamanye amaphondo,” utshilo uGcina.

Uthe uyathemba ukuba ukubizelwa kuka-Oyisa, ophuma eNgcobo, kwiqela lesizwe kwakuthi kukhuthaze nabanye abantwana.

Ngexesha besungula iEluhewini Ladies kwiminyaka eyadlulayo, abazali babengayiqondi into yokudlala kwabantwana abangamantombazana ibhola ekhatywayo.

Kodwa xa kunamhlanje wonke umntu uchulumancile eNgcobo yimbali eyenziwe ngu-Oyisa. Lo mdlali ngumfundi owenza uGrade 10 kwisikolo samabanga aphakamileyo iNyanga eNgcobo.

Uzibalule ngokufaka amagowuli amathandathu (6) kumdlalo obuphakathi koMzantsi Afrika neSeychelles abawuthathe ngo’28-0. UMarhasi uye wachongwa njengomdlali oqaqambileyo kulowo umdlalo.

UGcina uthe ifolosi yakhe idume ngokufaka amagowuli emva kwemidlalo yezikolo (National Schools League Games) ebibanjelwe eThekwini – apho yafumana iwonga lomdlali ofake amagowuli amaninzi nelomdlali ogqwesileyo kwitumente.

Ukubethwa kweqela likaSimphiwe Dludlu ukuchaze njengento engathethi ukuthi alidlalanga kakuhle kodwa belidibene neqela eliluqilima kwaye elinobuchule bokudlala.

UGcina uthi ininzi into enokufundwa ngabantwana bakaDludlu ekudlaleni ne-Uganda.

Umqeqeshi kaMarhasi uvale ngelithi ubulela uDludlu ngokunika umdlali wakhe ithuba lokudlalela iqela lesizwe kwaye lo nto uyathemba ukuba iza kukhuthaza nabanye abantwana.

Nomdlali weThunderbirds Ladies yaseGcuwa, * -Inathi Makhaya, ebeyinxalenye yeqela lesizwe.