Umdlali waseNigeria udinwe kukwenziwa iyoyo yiMamelodi Sundowns

New signing Etioso Ighodaro with AmaZulu FC president Sandile Zungu (L) and Pablo Franco, coach of AmaZulu FC (R) during the AmaZulu 2024/25 Season Launch Event at AmaZulu Fan Experience Store in Durban on 29 July 2024 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Ifolosi yaseNigeria, uEtiosa Ighodaro, idiniwe kukwenziwa iyoyo yiMamelodi Sundowns. Oku ukuthethe emva kokuba AmaZulu emthathe ngemboleko uEtiosa phambi kwesizini entsha. Le folosi yaseNigeria yafika eMzantsi Afrika ngo2021 emva kokuthathwa kwayo yiSundowns kwiqela ekuthiwa yiAbuja College.

Kwangoko wathathwa uEtiosa wasiwa kwi-University of Pretoria iisizini ezintathu zilandelelana. Emva koko waya kwiChippa United phambi kokudlalela iSuperSport United. Phakathi kwezinto ezimphazamisa kakhulu uEtiosa kukuba ungumdlali weSundowns angazange yamnika ithuba lokuyidlalela.

Okwesibisini kukusiwa kwamanye amaqela ngemboleko endaweni yokukhululwa ngokupheleleyo yiSundowns. Kuwo onke amaqela awadlaleleyo u-Ighodora uzibalule ngokufaka amagowuli. Uvumile ukuba uye nzima kuMaZulu ngoba into yokubolekiswa kwakhe ayivakali futhi imsebenzisa nzima. “Bekunzima kum ukuza kuMaZulu ngoba ayivakali kum,” utshulo uEtiosa.

“Akukho nto endinokuyenza kodwa. Okwam kukunyamezela ndiye phambili. Into yokubolekisa ngam oko ibenza nzima ubomi bam. Kwindawo nganye entsha endifika kuyo, kuye kufuneke ndizibonakalise kwakhona. Anditsho kuba ndiyonqena lo nto.

“Ndijonge phambili ekudlaleleni AmaZulu ngokuzimisela,” utshilo u-Ighodaro. AmaZulu atyikitye abadlali abasinxenxe kule veki ekulindeleke ukuba bancedise njengokuba umqeqeshi enikwe umyalelo othi makawabuyisele kwiChampions League.

Nangona u-Ighodaro esithi akukho qela anganokwazi ukulidlalela – kodwa uvumile ukuba iSundowns imbonise wabona naye ukuba kugcwele kuyo. “Ikwazile iSundowns ukundibonisa kokubaluleka kokuza kwam kuMaZulu. Umzekelo, kugcwele phaya.

“Ndiza kubona ukuba ndenzani xa kuphela isizini. Akukho qela endinokwazi ukudlala kulo ngoba ndizithembile. Andiqondi ukuba yindlela endidlale ngayo ebangele kubolekiswe ngam yiSundowns. Ndingakuvuyela ukudlalela iSundowns = kodwa isigqibo ayisosam,” uvale ngaloo mazwi u-Ighadaro.