Umdlali weChippa United uyacacisa

Umdlali omtsha weChippa United, uMarc van Heerden, uzakuqala ubom obutsha kwidolophi yaseBhayi emva kokuchitha iminyaka emininzi kwiqela laseKZN – AmaZulu FC. Lo mdlali, une 28 yeminyaka, ubhengezwe njengomdlali omtsha weliqela leMpuma Koloni, kwiveki ephelileyo.

“Ndifuna ukubulela bonke abantu ngothando nenkxaso abandinike yona. Kubadlali ndifuna ukuthi mabaphakamisele phezulu igama lo Usuthu. Isizathu esibangele ndihambe kukuba ndifuna ukubuyela kwiPSL. AmaZulu ndiwanqwenelela okuhle kodwa,” utshilo uVan Heerden kwikhasi lomnatha izolo. Umphathi waMaZulu, uLunga Sokhela, umkhulule ngokusesikweni lo mdlali. “UMarc usebenze kakuhle kweli qela lethu, simnqwenelela okuhle kwiChippa United,” utshilo uSokhela. Ukufika kweli nxele kwiChippa United yinzuzo enkulu ngoba linamava futhi lizakuncedisa kwiphulo lokulwela indebe kwisizini entsha. IiChilli-boys sezamkele ihlokondiba labadlali phambi kukaVan Heerden. Kulindeleke iChippa United ithathane neFree State Stars kumdlalo wePSL wokuvula isizini entsha ekuthambekeni kwale nyanga.