Umdlali weKaizer Chiefs unomnqweno wokudlalela iBafana Bafana!

Kearyn Baccus of Kaizer Chiefs evades tackle from Edgar Manaka of Polokwane City during the Absa Premiership 2019/20 football match between Kaizer Chiefs and Polokwane City at Soccer City, Johannesburg on 14 September 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Ukuba
anganikwa ithuba lokudlalela iBafana Bafana, ingayinto entle kakhulu leyo
kuKearyn Baccus odlalela iKaizer Chiefs ngoba yinto ayinqwenelayo leyo.
Ukusukela oko kuqale isizini, uBaccus uzibalule emidlalweni njengomdlali
wasesiswini osezingeni eliphezulu. Amakhosi amthathe kwiqela lase-Australia
ekuthiwa yiMelbourne City – kodwa yena ngokokuzalwa ngowalapha (eMzantsi
Afrika) ngoba wazalelwa eThekwini. Kwiveki ephelileyo, uBaccus (28) uxelele abendaba
into ethi yena unawo umnqweno wokudlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika
lebhola ekhatywayo. Emva kokwenza iziqwenga emidlalweni yeChiefs adale intaphane
yamathuba negowuli elinye kuyo, umqeqeshi weBafana Bafana, uMolefi Ntseki,
ubonakalise umdla kule ndedeba ezinze kwelase-Australia.

“Andinayo
ingxaki. Eyona nto endiyifuna kakhulu mna kukwenza umsebenzi omhle kwiChiefs,
emva koko ke ndingabona ukuba ndenzani. Entliziyweni yam, ndirhalela ukudlalela
i-Australia – kodwa ukuba uMzantsi Afrika uthi nali ithuba lokudlala, lo nto
ndingayiqwalasela,” utshilo uBaccus. Umqeqeshi weBafana Bafana uthe uza kumbeka
esweni uBaccus emva kokuva okokuba uyanqwenela ukudlalela iqela lesizwe.
“Kwiveki ephelileyo, ndixelelwe ngomdlali weChiefs onelungelo lokudlalela
uMzantsi Afrika. Nathi sesiqalile ukujonga inkqubela yakhe. Xa simbizela
kwiqela lesizwe, kufuneka sazi eyona nto anayo enokwenza umahluko. Akukudalanga
efikile kwiChiefs esaqhuba kakuhle kwiPSL. Kulapho ubona khona izinga
labadlali,” utshilo uNtseki ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki.

Ukuphakamisa
kwakhe isandla uBaccus ibe yinto enconyiweyo ngumqeqeshi weBafana Bafana elungiselela
ukudibana neMali emdlalweni weNelson Mandela Challenge ojongwe ngamehlo abomvu
eNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngeCawe.