Umdlali weLions untingela eJapan

Ukuvalwa kwesizini yeSuper Rugby kuvulela abanye abadlali amathuba abhetele kwezinye iindawo. Kugqityiwe! Umdlali ophambili kwiiLions, uJaco Kriel uzakuntingela kwilizwe laseJapan, apho azakuthi adlalele iqela elibizwa ngokuba yiKubota Spears.

Kulindeleke ukuba abuyele kwii-Emirates Lions kwakhona xa kuzakuqala isizini ka’2017 yeSuper Rugby. Iminyaka etyikitywe nguKriel kwesi sivumelwano seseminyaka emibini, kodwa kuqinisekisiwe ukuba uzakubakhona kwimidlalo yaMabhoko-bhoko nangona ezakube edlalela kude nekhaya. “Le nto yenzekileyo siyithatha njengethuba lokuqinisa ubudlelwane obunenzuzo phakathi kwethu siyiGolden Lions Rugby Union kunye nabadlali bethu. Yiyo lo nto sikwazileyo ukufumanela ithuba elinje umdlali wethu,” itshilo ingqonyela yeGLRU, uRudolf Straeuli.

Le ndedeba yakwaKriel ithi ukuphumelela iCurrie Cup ngo’2015 yaba yenye yezinto ezibalulekileyo kuye, kwaye uya- lamkela ngezandla ezishushu ithuba alifumanayo lokudlala phesheya kolwandle.

“Yah, Ndiyalivuyela ithuba lokudlala nokuhlala phesheya kolwandle, lo nto izakuhlaziya iingqondo zethu. Wayenza ngempumelelo le nto uLionel, Elton noWarwick kwiminyaka edlulileyo.

Ndicinga ukuba noko likhulu kakhulu igalelo endinokulenza. IKubota liqela elizinzileyo noko, kwaye linabadlali nabaqeqeshi abanika umdla. Ndinethemba lobom obutsha eJapan,” utshilo uKriel.