Umdlali wePirates ukhethe ukugoduka kunodlalela iChippa United

Caio Marcelo was scouted because he is a centreback who can help Pirates build from the back, and has a left foot to complement his overall traits. Photo: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iingxelo zamajelo
endaba zithi ubuyela ekhaya eBrazil, uCaio Marcelo, emva kokungavumi ukudlalela
iChippa United kwisizini ezayo. Kwiiveki ezidlulileyo, i-Orlando Pirates
ibhengeze inani elivisayo labadlali ebakhululeyo kwisithuba seeveki ezimbini
ezidlulileyo. Igama likaMarcelo laliphakathi kwamagama abo badlali ekwathiwa
mabakhangele iindawo ezintsha abaza kudlalela kuzo kwisizini ezayo. Kwingxelo eyakhutshwa
yiPirates, uMarcelo wayengomnye wabadlali abasiwa kwiChippa United – kodwa ingxelo
ekutshwe kule veki ithe umdlali uye wacela ukubuyela ekhayeni lakhe lokuzalwa –
eBrazil. “Sifuna ukwazisa okokuba iPirates yohlukene noCaio Marcelo. Eli qela
lisamkele isicelo sakhe sokubuyela eBrazil kuba engakwazanga ukumelana
nokuhlala kude nekhaya. Simnqwenelela okuhle kodwa,” itshilo ingxelo ekutshwe
yiPirates ebutsheni bale veki. UMarcelo, 21, ufike kwiPirates kunyaka
ophelileyo (2018) emva kokudlalela iqela ekuthiwa yi-Inova Iguacu
neCR Vasco da Gama elizweni lakhe.