UMdlalo ukhala ngokuncithwa ngabanye abalandeli

Lwando Mdlalo

Njengokuba kusondela isizini yePSL entsha, abalandeli banethemba lezinto ezintsha ekulindeleke zenziwe ngamaqela wabo. Umlandeli weKaizer Chiefs unelothemba lokuguquka kwezinto nangona esaphoxekile yindlela eqhube ngayo kwisizini egqithileyo.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Ndiphilile Bhuti, kunjani kuwe?

PD: Kuhle enkosi. Ngokufutshane, khawuzazise.

Umlandeli: Igama lam ndinguLwando Mdlalo, ndingowelali ekuthiwa kuseNgxutyane apha kuGatyane.

PM: Khawutsho, ngubani umdlali omthandayo kwiChiefs?

Lwando Mdlalo: Ngunozinti, * -Itumeleng Khune. Ungumdlali ozimiselayo kakhulu xa edlala ebaleni kwaye uyawuthanda umsebenzi wakhe.

PD: Waqala ngowuphi unyaka ukulandela Amakhosi?

LM: Yoh, ndaqala ndisemncinci phaya ekupheleni koo’90. Into eyabangela ndinamathele apha kwiChiefs kukuba apha ekhaya wonke umntu ebelandela yona. Bekulandelwa yona, kuthethwa ngayo – nam ndathabatheka ngolo hlobo ke.

PD: Yeyiphi eyona nto ongasoze uyilibale ngeChiefs?

LM: Eyona nto enganonwabisanga ngoku kwiChiefs yindlela edlala ngayo phantsi kukaSteve Komphela. Iyandityhafisa kakhulu. Umdlalo wayo awucacanga konke konke. Enye into ebuhlungu esiyenziwa yiChiefs kukungadlali kakuhle kwimidlalo yeCaf. Asihlali ndawo ngabanye abalandeli, kuthiwa masingathethi ngoba singaba singaphumeleli nto kwiCaf.

PD: Ugalelekile umdlalo weCarling Black Label phakathi kweChiefs nePirates, ucinga ntoni?

LM: Hey! Andingeke ndizityhafise nangona iChiefs yethu inamaxesha wokusiphoxa. Use ungazi nokuba konakele phi na. Sizakuyibetha iPirates ngo’2-0 – kodwa ingase kubekho abadlali abafana noSiphiwe Tshabalala, Bernard Parker noGeorge Maluleka.

PD: Wonelisekile ngabadlali abakhoyo?

LM: Yah, ndingatsho ukuba ndonelisekile okwangoku. Ndiyakholwa kakhulu ngumdlali ofana noBhongolwethu Jayiya.

pedro.mapelo@inl.co.za