Umdlalo wokuqala kaDe Villiers njengekapteni

U-AB de Villiers uzakudlala okokuqala njenge- kapteni yeProteas, kumdlalo wabo neNgilane eWanderers, eRhawutini namhlanje.

Njengoyena mdlali uphambili, oqhokrayo kwiProteas, * -de Villiers ubekwa kwindawo yesithathu ekuqhokreni kwimidlalo yovavanyo. Abantu abaninzi babelindele ukuba ibenguye ozakubekwa njengekapteni yeProteas, emva kokuba uGraeme Smith, wathatha umhlala phantsi ngo-2014.

ICricket South Africa, yathatha isigqibo sokuqesha uHashim Amla, uDe Villiers yena wabekwa njengo- kapteni wemidlalo yosuku olunye. Ngoku uDe Villiers, uwufumene umsebenzi ekudala ewufuna, emva kokuhamba kuka-Hashim Amla okothuse wonke umntu kwiveki ephelileyo. UDe Villiers uzakuba yikapteni kule midlalo mibini, ishiyekileyo yovavanyo.

Ikapteni ezakuhlala isigxina izakubhengezwa ekuhambeni kwethuba, kwaye iProteas ayizukudlala de kufike * -Agasti xa bendwendwelwe yiNew Zealand.

UDe Villiers, ungena kwesi sikhundla ngexesha elinzima. Nangona izamile ukuzilwela iProteas, kulo mdlalo wesibini wovavanyo eKapa, kodwa badlale imidlalo yovavanyo esibhozo bengakhange baphumelele nomnye.

INgilane ihamba phambili kolu luhlu lemidlalo, ngomdlalo omnye eqandeni. Ukuba iProteas iqhubeka nokudlala ngolu hlobo bazakuphulukana nendawo yabo ekuqaleni, xa kufikelelwa kwimidlalo yovavanyo.

IWanderers, yaziwa njengebala apho baye badlale kakuhle abadlali abagibiselayo, kodwa ilishwa lelokuba, iintsika zabadlali abagibiselayo beProteas, uDale Steyn kunye noVernon Philander basajongene nomenzakalo.