Umdlali webhola waseBhayi unethemba lezinto ezintle kwiPlatinum Stars.
UZanoxolo Mduli, 23, ngomnye wabadlali abaqaqambileyo beKe Yona – iqela labadlali eliqokelelwe yiNedbank.
Le ndodana yabanethamsanqa lokuchongwa kwiphulo leNedbank lokuzingela abadlali abatsha, abanesakhono nomnqweno wokudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu.
Eli phulo leNedbank belikhokelwa ngoomakhwekhwetha kwicala lokuqeqesha ebholeni ekhatywayo abaquka uShakes Mashaba, uKhabo Zondo, * -Owen Da Gama noMike Mangena.
Emva kwexesha elide abadlali beKe Yona, abaphuma kwilizwe lonke, bevalelwe enkampini phantsi kweliso elibukhali noqeqesho lwabaqeqeshi – kwiveki ephelileyo bade badlala neSuperSport United kumdlalo ophele ngo’2-1 eMakhulong Stadium – apho kwenzeke imbali.
UMduli ufake igowuli leKe Yona lokuqala kwiminyaka emithandathu ikhona. Emva komdlalo ofana nalo abadlali beKe Yona banethemba lokutyikitywa ngamaqela adlala kwiPSL.
Naye uMduli unelo themba njengokuba esiya kwiPlatinum Stars – apho azakufumana uqeqesho oluthe vetshe namava kwiqela elidlala kwiPSL. Ukufaka igowuli kwiSuperSport yinto enkulu kuMduli kwaye unethemba lezinto ezintle ezizayo.
“Ndikuvuyele kakhulu ukufaka kwam ela gowuli. Ndiyathemba ubomi bam bakutshintsha. Yinto enkulu kakhulu le kum,” utshilo uMduli emva kokudlala kakuhle kumdlalo weNedbank.
“Ukudlala neSuperSport United bekunzima kuthi – kodwa zininzi izinto esizifundileyo kubadlali bayo abanamava. Nangona enkampini kwakunzima – kodwa abaqeqeshi bethu basinceda ngoba bakuqhelile ukusebenza nabadlali abasebatsha.
“Abaqeqeshi bandixelela ukuba isakhono sisodwa asonelanga, kufuneka ndisebenze ngokuzimisela ukuze ndiphumelele,” utshilo uMduli.
Bonke abadlali beKe Yona batyalwe kumaqela ohlukeneyo adlala kwiPSL ekulindeleke bafunxe kuwo ulwazi namava okudlala kwinqanaba eliphezulu anokubanceda kwixesha elizayo.
“Ndikhethe iPlatinum Stars, ndiyathemba ukuba izinto zizakundihambela kakuhle,” utshilo uMduli kweli phephandaba.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis