UMelikhaya France ugxeleshe umdyarho oseKapa kwinyanga ezayo

Imbaleki yemigama emide eyaziwayo, uMelikhaya Frans, iphinde yenza edume ngazo ngethuba iqhumisela ngothuli ezinye iimbaleni emdyarhweni obubanjelwe eGqeberha kwiveki ephelileyo. UFrans wenze imbali kwakhona ngokuthi akhusele isicoco sakhe ngokuphuma phambili kwiNelson Mandela Bay Motherwell Freedom Fun run engumgama oziikhilomitha ezilishumi. Emva kokufinca iikhilomitha ezilishumi emizuzwini engamashumi amabini anesibhozo nemizuzwana engamashumi amathathu anethoba (28:39), imbaeki yaseGqeberha ivakalise uchulumanco lwayo. “Kumnandi kakhulu ukubaleka ekhaya ngoba akukho nto ehambisa kakhulu,” utshilo kumajelo eendaba emva kwempumelelo kwiveki ephelileyo.

UFrans, 32, yenye yeembaleki ezihlonitshwayo eMzantsi Afrika kwimigama emide ngenxa yemisebenzi emihle ayenzileyo kwicandelo lezeembaleki. Impumelelo yakhe uMelikhaya ayizuze kwiMotherwell Freedom Run ibiliqonga nje lokuzilungiselela imidyarho emikhulu ayigxeleshileyo kulo nyaka. Inembali ende iMotherwell Freedom Run eyaxhaswa ngumasipala ombaxa, iNelson Mandela Bay Metro Municipality, ukusukela mhla yasungulwa ngonyaka ka-2011. Umququzeleli nomsunguli weFreedom Fun Run yindoda eyaziwayo kwezeembaleki, uMnu. Mike Mbambani, okwangumqeqeshi kaMelikhaya Frans.

Mhlawumbi eyona nto ebangela agqwese kuyo ngamaxesha onke kukuba ufuna ukuyibanga into yomqeqeshi wakhe. “Bendizimisele ukuwuphakamisa umgangatho kwasekuqaleni komdyarho. Yiyo lo nto ndiqhube kakuhle. Emva kweekhilomitha ezintathu, bendizihambela nje ndodwa phambili,” utshilo uFrans. Kwinyanga yeKhala, le mbaleki yeKamva Athletics Club iza kube ithatha inxaxheba kwiWorld Championship – kodwa phambi koko ifuna ukuya kumdyarho oseKapa phakathi kuCanzibe. “Ndonwabile ngoba inkqubela siyayibona nomqeqeshi wam,” uthilo uFrans oza kumela uMzantsi Afrika kumdyarho oseMelika. Amanenekazi aphumeleleyo kwiMotherwell aquka uNwabisa Mjoli noNtombesintu Mfunzi ngokulandelelana.