Imbaleki ephambili yaseGqeberha, uMelikhaya Frans, yonwabe kakhulu emva kokucelwa kwayo ukuba ithathe inxaxheba kwiCopenhagen Marathon, eDenmark, ngomhla weshumi elinesithandathu kuCanzibe. Kulo nyaka wodwa, uFrans umenwe ngamazwe aseYurophu aquka iJamani ne-Italy – kodwa yena ukhethe ukuya kugqatso oluseDenmark kuba lona luza kumnika ithuba lokulwela indawo kwiqela eliza kumela uMzantsi Afrika kwii-Olimpiki. UFrans ufumana izimemo zokubaleka emidyarhweni yeembaleki ngapha nangapha emva kokuba ezenzele udumo ngokubamba indawo entle (21) kwiLondon Marathon kunyaka ophelileyo (2020).
“Kundiviyisa gqithi ukufumana ithuba lokubaleka iCopenhagen Marathon. Okuhle ngayo kukuba ndiza kufumana ithuba lokulwela indawo kwii-Olimpiki. Lo ngunyaka omkhulu, kusetyenzelwa ukuya kwii-Olimpiki kuba ziye zarhoxiswa kunyaka ophelileyo ngenxa yeKhorona,” utshilo uFrans, encokweni neli phephandaba. Amathuba okuya eYurophu akafunyanwa nokuba nguba. Kukhethwa oompondozihlanjiwe bodwa xa kufunwa kuphume ezona mbaleki eziqaqambileyo. Lo nto ithi uFrans kufuneka azilungiselele kakuhle ngoba ukuba angenza umsebenzi oncomekayo eDenmark – kungavuleka eminye iminyango enomkhulisa njengembaleki yemigama emide.
“Ndiphile qete, akukho nendawo ebuhlungu. Amalungiselelo weCopenhagen Marathon ahamba kakuhle. Phambi kokuya kwiLondon Marathon, sasingenalo ithuba lokuzilolonga ngenxa yemiqathango yeKhorona. Kulo unyaka izinto zahlukile, ndiyakwazi ukuya ebaleni apho ndizilungiselela khona. Indivuyisa kakhulu into yokuya kwam eDenmark. Bendimenyiwe nakwezinye iindawo, enye ebiseJamani seyigqithile. Enye ebendifunwa kuyo e-Italy ndiyalile kuba bendifuna iCopenhagen Marathon. Ndikulungele ukubaleka. Zizinto nje ezincinci ezisasilelayo. Yonke into ixhomekeke kum. Kufuneka ndisebenze,” utshilo uFrans ngolukhulu uvuyo.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala