UMelikhaya Frans uvuyela okuhle akuzuze kwiCape Town Marathon

Imbalekeli yemigama emide, uMelikhaya Frans, ibuyele ekhaya incume olukabhulankethe emva kokubetha iintaka ezimbini ngelitye elinye emdyarhweni omkhulu weembaleki obuseKapa. UFrans ufince iSanlam Cape Town Marathon ekwindawo yesithandathu okokuqala emva kokukaStephan Mokoka obambe indawo yokuqala, uGebru Redahgne, uTebello Ramakongoana, uBelachew Ameta no-Alex Saekwo. Ibikokokuqala iimbaleki zamazwe ngamazwe zidibana kwiCape Town Marathon emva kokuphazanyiswa kwehlabathi yiKhorona eyathi tshitshilili eChina phambi kokuphela konyaka ka-2019. Ethetha neli phephandaba, uFrans uvakalise uchulumanco lwakhe emva komsebenzi omhle awanze ngempelaeki egqithileyo.

“Ndivuya kakhulu. Ukufumana indawo yesithandathu kwiCape Town Marathon yinto enkulu kum ngoba eminyakeni egqithileyo bendibambe indawo yeshumi neyeshumi elinanye. Kulo nyaka izinto ziye zatshintsha kakhulu, utshilo uFrans. Emva kokugqugqisa emidyarhweni ebiseGqeberha kulo nyaka, uFrans untingele eKapa ekulungele ukwenza umsebenzi apho itiki lokuya eMelika. “Ndiye eKapa ndifuna ukuphumelela – kodwa ke andikwazanga ukuyenza lo nto. Into endikwazileyo ukuyifumana litikiti lokuya emdyarhweni omkhulu (World Champs) oza kube useMelika kunyaka ozayo. Ndiyayamkela lo nto, kanti nendawo (Top 6) endiyifumeneyo ndiyayivuyela kakhulu.

Emva kokuqhuba kakuhle emidyarhweni yeembaleki ebilapha eGqeberha, ndiye kwiCape Town Marathon ndiyilungiselele kakuhle, utshilo uFrans, ofumene itikiti lokuya emdyarhweni weembaleki omkhulu. “Ndiphoxekeke kakhulu kukungazi kwam kulo nyaka ukuya emidlalweni ye-Olimpiki. Ukuya kwiWorld Champs eziseMelika yinto enkulu kwaye ndiza kulibamba ithuba endilifumeneyo ngezandla zozibini. Singabuya neembasa ukuba singasebenza ngendlela esisebenzisene ngayo noStephen Mokoka phaya kwiSanlam Cape Town Marathon. Ukuba indlela esibaleke ngayo singayibamba sifumane nenkxaso, iimbasa singabuya nazo,” uvale ngaloo mazwi uFrans.