UMemela noLorch benze abadume ngazo emdlalweni wePSL

Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates challenged by Jean Munganga of Black Leopards during the Absa Premiership 2018/19 match between Orlando Pirates and Black Leopards at the Orlando Stadium, Soweto on the 10 April 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amagowuli
amabini afakwe nguLuvuyo Memela noThembinkosi ancede i-Orlando Pirates
ephumelele kakuhle kakhulu emva kokubetha iBlack Leopards ng’2-0 emdlalweni
we-Absa Premier Soccer League obushushu e-Orlando Stadium kubusuku banamhlanje.
Emva kokufumana amanqaku amathathu emdlalweni wanamhlanje, iPirates ihamba
phambili kwiPSL ngamanqaku amathathu – ishiya iMamelodi Sundowns eseYiphutha (Egypt)
emdlalweni weCaf Champions League. Ihlasele zisuka emdlalweni iPirates, isebenzisa
abadlali bayo abadume ngokuhlasela abafana noJustin Shonga, uLuvuyo Memela
noThembinkosi Lorch – kodwa iinzame zayo zithintelwe nagabadlali beLeopards basemva
abebephantsi koxinizelelo olukhulu.

UMemela
ubhakuzelise umnatha ngebhola ebibekwe phantsi emva kokuwiswa kukaHappy Jele
kufutshane nomhlaba kanozinti. Azamile ukuxhesha AmaBhakaniya kubonakala ukuba azama
igowuli lesibini – kodwa ngelishwa lawo, ayenzekanga lo nto kwade kwayiwa
kwixesha lokuphumla. Ekuqaleni kwesigaba sesibini somdlalo, uWayne Sandilands
uye waxakekiswa kakhulu ngabadlali beBlack Leopards abafana noKarabo Tshebe –
ebekubonakala okokuba bakhangela indlela yokufumana igowuli lokulinganisa. ULorch
uvalele emnatheni igowuli lokugqibela sekusondele isiphelo somdlalo. UDylan Kerr
uvakalise ukungonwabi kwakhe yindlela abadlali bakhe abadlale ngayo. Kanti yena
uMilutin Sredojevic uwamkele amanqaku amathathu evule ngawo umsantsa phaya phezulu
iPirates.