UMessi ngumakhwekhwetha ebholeni

Umdlali ophambili kwiBarcelona, uLionel Messi, ufumene iwonga, elona libalulekileyo kwibhola ekhatywayo jikelele kwihlabathi, i2015 Ballon d’Or, ebetha abanye oompondo zihlanjiwe ebholeni ekhatywayo ebekhuphisana nabo, abanje ngoCristiano Ronaldo noNeymar.

Le nzalelwane yase-Argentina izifumanele eli wonga ityeli lesihlanu emva kwenye yeesizini zayo ezintle. uMessi ufake amagowuli angamashumi amane anesibhozo, wancedisa izihlandlo ezingamashumi amabini anesithathu kwimidlalo engamashumi amahlanu anesithathu kwiBarcelona, iqela eliphambili kwilizwe laseSpain ngo’2015.

Lo mdlalo akukho nto ingako ayenzele ilizwe lakhe kodwa ufake amagowuli amane kwimidlalo emine ayidlalileyo.

Le mbasa ayifumeneyo ka’2015 yongeza ezinye zeBallon d’Or azifumene ngo’2009, 2010, 2011 nango’2012. Njengokuba bekuvotwa, uLionel Messi, ufumene iivoti ezikumyinge oyi-41.33%, walandelwa nguRonaldo ngo’27.76% ekugqibeleni yanguNeymar ngo’7.86%. Abanye abaphumeleleyo bame ngolu hlobo:

Fifa FIFPro XI: Neuer; Silva, Marcelo, Ramos, Alves; Iniesta, Modric, Pogba; Neymar, Messi, Ronaldo

2015 Women’s Coach of the Year: Jill Ellis (ngumqeqeshi we-USA)

2015 Men’s Coach of the Year: Luis Enrique (ngumqeqeshi weBarcelona)

2015 Fifa Fair Play award: Eli wona linikwa amaqela nemibutho yebhola ekhatywayo enceda kakhulu abantu ababhace emazweni abo ngenxa yokungabikho kozinzo kwezopilitiko.

2015 Puskas Award (Goal of the Year): Wendell Lira (Brazil)

2015 Women’s World Player of the Year: Carli Lloyd (USA)

2015 Ballon d’Or winner: Lionel Messi (Argentina)