UMessi noRojo bayikhulule iArgentina isengxingongweni

Marcos Rojo of Argentina celebrates with teammate Lionel Messi (top) after scoring the 2-1 during the FIFA World Cup 2018 group D preliminary round soccer match between Nigeria and Argentina in St.Petersburg, Russia, 26 June 2018. By: ANATOLY MALTSEV / EPA

Abadlali
nabalandeli be-Argentina balila iinyembezi zovuyo kobu busuku emva
kokuphumelela kwelizwe labo. Emva kwamashumi alithoba emizuzu, iArgentina izuze
impumelelo ebalulekileyo emva kokubetha iNigeria ngo’2-1 kumdlalo obunzima
kakhulu eSaint Petersburg Stadium namhlanje ebusuku. Amagowuli amabini afakwe
nguLionel Messi noMarcos Rojo ngawo anike iArgentina ithuba lokuya kumjikelo
olandelayo kwi-2018 FIFA World Cup ebanjelwe eRussia. Ukudlulela kwe-Argentina
yinto ekunzima ukuyikholelwa ngoba idlale kakubi kwimidlalo yayo emibini noxa
inentaphane yabadlali abaphezulu ngaphezulu kunamazwe amaninzi kwindebe
yehlabathi.

UMessi,
njengeNkokeli yeqela lesizwe, utsazise igazi kuqala emdlalweni wanamhlanje emva
kokuba efumene ibhola ekhatywe ngobuchule ngu-Ever Banega. Akayibonanga ibhola
unozinti weNigeria, uFrancis Uzoho, noxa ikhatywe kanye kwicala ebevale kulo. Isantya
somdlalo besiphezulu ngoba ilelo nelo iqela belifuna ukusebenzisa umdlalo
wanamhalanje kakuhle ukuze liye phambili. UMohamed Musa noVictor Moses
abangabadlali ehlasela ngabo iNigeria abakwazanga ukwenza umahluko kumdlalo
wokugqibela.

Kwisigaba sesibini
iNigeria ifumene igowuli ngepenela efakwe nguMoses. Emva koko iNigeria ikwazile
ukudlala umdlalo ongcono. Uthe mdlalo xa ubonakala ukuba ungaphela kungekho
eliphumelelayo, umqeqeshi we-Argentina ufake uCristian Pavon endaweni ka-Enzo
Perez. Iinguqu zizo ezikhokelele kwigowuli lokugqibela elifakwe nguRojo
kwimizuzu yokugqibela. Kwelinye icala iCroatia ibethe ilizwe lase-Iceland
engaphumelela nomnye umdlalo ngo’2-1. YiCroatia ne-Argentina ezidlulele
phambili ngokulandelelana.