UMfiki ufuna umdlali weProteas ophuma ezilalini

Aviwe mfiki

Umhlaba waseXesi utyebile kwicala letalente – kodwa into engekhoyo yinkxaso yokuyikhulisa ukuze igqame. Nangona kunjalo umnumzana * -Aviwe Mfiki uqhubela phambili nokufundisa abantwana abasakhulayo lo mdlalo weqakamba.

Iphupha likaMfiki kukuvelisa umdlali weqela lesizwe ngenye imini ophuma eXesi. Lo nto ibonakala ikude okwangoku – kodwa inkqubo yeCricket South Africa aphezu

kwayo uMfiki imnika ithuba lokuzalisekisa iphulo lakhe.

Le ndedeba yazimanya neqakamba iselula, ngenxa yokuyithanda yaqala ukuqeqesha isafunda. Lo nto yamnika uMfika ithuba lokufunxa ulwazi olunzulu ngalo mdlalo.

Kuthe emva koko wayokwenza uqeqesho phantsi kwezazi zeqakamba futhi abanentshisakalo efanayo nale yakhe. Iphephandaba labantu, I’solezwe lesiXhosa, lincokole nale ndedeba.

“Ngethuba ndiseBoarder Academy – ndandisoloko ndisithi kumphathi wam kufuneka kubekho indlela yokutyala ebantwini konke esikufundileyo.

Yaqala kanjalo ke le nto yokuphuhlisa abadlali beqakamba ezilalini,” utshilo uMfiki kwincoko neli phephandaba.

“Yona into yokuqeqesha abadlali yaqala kudala ndisafunda, ndikhumbula ndincedisa uBhuti ogama linguMthetho Mfenqe. Ngoku ndisebenza kwinkqubo yeCricket SA ayokuphuhlisa abadlali abangaphantsi kweminyaka elishumi elinanye, ishumi elinesihlanu neshumi elinesithoba. Likhona iqela endiliqeqeshayo apha eXesi. Bonke abadlali abakweli qela baphuma kule nkqubo yeCricket SA.

“Italente ifele aph’eXesi, noba ngubani ofika apha – ndingamxelela lo nto ngaphandle kwamathandabuzo. Sinabadlali abadlalele iqela lephondo kutshanje. Abanye abadlali bathathwa zizikolo ezithile, kanti abanye abathathu bathathwe yiDale. Into endiyithetha kubo kukuba ndingavuya ukuba ndingakhupha umdlali weProteas apha ezilalini,” utshilo uMfiki.

pedro.mapelo@inl.co.za