Umdlali ohlaselayo, uMfundo Vilakazi, uncede Amakhosi azuze impumelelo ebalulekileyo eThekwini. Oku kwenzeke emva kokuba Amakhosi ebethe iSekhukhune United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium namhlanje emalanga.
Igowuli ephumelele ngalo iKaizer Chiefs lifakwe nguMfundo Vulikazi kushiyeke imizuzu embalwa kuphele ixesha lomdlalo obumhle eThekwini ebishushu. Amanqaku amathathu axolisa abalandeli emva kokuba iChiefs ibethwe yiGolden Arrows ngegowuli emdlalweni ogqithileyo. Amakhosi aqale umdlalo exhokonxa ngoWandile Duba phambili.
Esiswini bekukho uMthethwa, uZwane noMotlou endaweni kaYursuf Maart ongene kwisigaba sesibini somdlalo. Bekufanele ukuba kuyiwe kwixesha lokuphumla Amakhosi ephala ngamagowuli amabini okanye amathathu – kodwa akubanga njalo ngenxa yamathuba angasetyenziswanga nguDuba, uZwane noTebogo Potsane.
Noxa bebephantsi koxinizelelo abadlali beSekhukhune United, umsebenzi bakwazile ukuwenza ngoba bakwazile ukuyivala iChiefs ebingxamile. Unozinti wayo, uBadra Alu Sangare wenze umsebenzi oncomekayo ngoba unqande amanzi engena endlini amatyeli aliqela. Abadlali abafana noKatlego Otladisa, Andy Boyeli noLinda Mntambo bazamile ukulwa – kodwa umzamo wabo awuzanga nanto.
Okuye kwanika iChiefs amandla kakhulu ibe kukukhutshwa kukaVuyo Letlapa odlalise kakubi uVilakazi ofake igowuli emva koko. ULehlohonolo Seema uvumile emva komdlalo ukuba iqela lakhe belicishilelwe namhlanje yiChiefs. Ukuphumelela kweChiefs namhlanje kuyithathe kwayibeka kwayinyusela kwindawo yesihlanu. Inamanqa alishumi angamashumi amabini ananye ewafumene emidlalweni elishumi elinesine.
Umdlalo wanamhlanje inika Amandla iChiefs njengokuba iza kudlala umdlalo weNedbank Cup kwimpelaveki ezayo ne’Orlando Pirates ekuqaleni kwenyanga ezayo. Idlale umdlalo ngaphandle kukaNasreddine Nabi osanqunyanyisiweyo emva kokunikwa ikhadi elibomvu emdlalweni ogqithileyo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo