UMhango uzityele itheko kwiPolokwane, iWits yabambana neDowns

Gabadinho Mhango of Orlando Pirates celebrates goal with teammates during Absa Premiership match between Orlando Pirates and Black Leopards on 21 December 2019 at Orlando Stadium, Pic BackpagePix

Ezimnyama
ziyibhulele amasaka iPolokwane
City
ngemvula yamagowuli
amane kwelinye (4-1) emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba
Stadium ebusuku namhlanje. UGabadinho Mhango uzityele itheko emdlalweni
wanamhlanje afake kuwo amagowuli amathathu eyedwa kwisigaba sokuqala. Umqeqeshi
we-Orlando Pirates, uJosef Zinnabanuer, uqale umdlalo ngamadoda afana
noThembinkosi Lorch noLuvuyo Memela angakhange awadlalise emdlalweni
wempelaveki egqithileyo. Ifolosi yaseMalawi, uMhango, uyitheze amandla zisuka iPolokwane City ebethe iChippa United kwimpelaveki
egqithileyo ngokufaka igowuli emzuzwini wesithandathu umdlalo uqalile. Emva
koko, uMhango uquqe ebuyelela okwezulu laseMthatha. Ngaphandle kokufaka
amagowuli, iPirates idlale umdlalo omhle kakhulu.

Image may contain: 3 people, people smiling, people playing sports and outdoor

Nangona
kungekho mathuba amaninzi ewafumeneyo iPolokwane – kodwa iye yayifumana ipenela
eye yaqatyeliswa nguMohammed Anas kwisigaba sokuqala somdlalo. UClinton Larsen
uye wafaka uJabulani Maluleka kwisigaba sesibini watsho waphucuka umdlalo wePolokwane
yade yafumana negowuli lokubika ekhaya. Kwelinye icala, iMamelodi Sundowns
ibambene ngeqanda neBidvest Wits emdlalweni obubanjelwe eLoftus Stadium ebusuku
namhlanje. Ukubambana kwala maqela mabini kuthetha ukuthi iSundowns neWits
zihleli kwindawo yesibini neyesithathu ngokulandelelana kwazo. Ukuba iSundowns
ibiphumelele, lo nto ibiza kuthetha ukuthi ishiywa ngenqaku elinye yiKaizer
Chiefs edlala neHighlands
Park
ngomso. Yona iBloemfontein
Celtic izibethele iStellenbosch ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni
obubanjelwe eCape Town Stadium namhlanje.

 

Polokwane: Chigova, Mvelase, Hlongwane, Nthatheni, Tshangane,
Manaka, Booi, Phiri, Anas, Tlolane, Hlubi.

Amalalela: Phali, Maluleke, Mashumba, Nene,
Mngomezulu, Maluleke, Buthelezi.

Pirates: Sandilands, Maela, Jele, Nyauza,
Pule, Motshwari, Makaringe, Mabaso, Memela, Mhango, Lorch.

Amalalela: Delle, Ndengane, Mntambo, Monyane,
Mulenga, Shonga, Mabasa.