Umhlalutyi: Iyasokola xa idlala ekuhambeni iChippa

Iingxaki zeChippa United zingongezeka kule mpelaveki ukuba iyabethwa yiKaizer Chiefs kumdlalo we-Absa Premier Soccer League okulindeleke utsale umdla wabantu abaninzi eMpumalanga.

La maqela adibana etshatshalazeni kumdlalo obaluleke kakhulu ngo’18:00 ngoMgqibelo, eMbombela Stadium.

Amakhosi aqhuba kakuhle kwaye adlale imidlalo engaphaya kweshumi engaphulukenanga namdlalo, lo nto iwanika amandla okonyukela phezulu kwiSPL.

Ukhuphiswano phakathi kweChiefs, iBidvest Wits, iCape Town City, iSuperSport United neMamelodi Sundowns luya lukhula ngokuhamba kwexesha, kule impelaveki kulindeleke lukhule njengokuba kukho imidlalo ebalulekileyo.

Kwinyanga ephelileyo, uSteve Komphela, uthe iqela lakhe kunyanzelekile liyiphumelele yonke imidlalo yalo ukuba lifumana ukubamba indebe yePSL kule sizini ka’2016/17.

Kumlenze wokuqala, iChiefs yavuthululwa yiChippa United ngamanqaku amathathu eBhayi. Eli lixesha lokuba iChiefs ibuyise izitya kulo mdlalo wempelaveki, ngakumbi njengokuba iqhuba kakuhle.

Emva kokubetha iPolokwane City kumdlalo weNedbank Cup, bekucingeleka ukuba iChippa izakuhamba lula kumdlalo wePSL phakathi evekini ophele edlale ntanganye la maqela eNelson Mandela Bay Stadium.

Umhlalutyi webhola, uSinesipho Mali, uthi lo mdlalo uwunika iChiefs kuba iChippa United iyasokola kwicala lokuphumelela imidlalo xa idlalela kude nekhaya.

“Xa sithetha inyaniso, sobe kube lula konke ukubetha iChiefs. Iyasokola xa idlalela ngaphandle iChippa. Eweyona iyidlala kakuhle ibhola, abadlali bayo banikelana kakuhle ngebhola – kodwa abakwazi ukugqobhoza.

Nantso nje ingxaki yabo. Badibana kakubi neChiefs idlala kakuhle. Lo umdlalo uzakuphunyelelwa yiChiefs,” utshilo uMali.

Amakhosi aya kulo mdlalo kukho intlantsi yethemba ngenxa yendlela abadlala ngayo abadlali abafana noBernard Parker, uGustavo Paez noGeorge Maluleka. Kubalulekile uDan Malesela abakhuthaze ngakumbi abadlali beChippa United ukuze iphumelele ngenxa yendawo embi ezikuyo ngoku kwiPSL.

Imidlalo yePSL

NgoLwesihlanu:

Maritzburg United vs Baroka FC @Harry Gwala 17:00

NgoMgqibelo:

Golden Arrows vs Ajax Cape Town @Princess Magogo Stadium 15:00; Highlands Park vs Orlando Pirates @Makhulong Stadium 20:15; Free State Stars vs Mamelodi Sundowns @James Motlatsi 15:00