
Zithe
xibilili izibilini kumqeqeshi uCavin Jonhson emva kokuba AmaZulu ebuye nenqaku elinye
kumdlalo wanamhlanje. AmaZulu abambene ngegowuli elinye macala (1-1)
neBloemfontein Celtic kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obudlalelwa eDr
Molemela Stadium emalanga namhlanje. UMhlengi Cele kuye ohlangule AmaZulu
esengxakini emdlalweni kwimizuzu yokugqibela ngokufaka igowuli.
Umdlalo ububambene ekuqaleni kwawo kuba amaqela omabini ebengazimiselanga kulahlekelwa
kodwa kwelinye icala ebesafundana. USuthu uphantse wafaka igowuli kuqala kulo
mdlalo – kodwa ithuba olifumeneyo alisebenzisekanga kakuhle. Umdlalo weCeltic,
ebethwe yi-Orlando Pirates ngo’2-1 phakathi evekini, iwutshintshile umdlalo
wayo. UJackey Motshegwa ufake igowuli leSiwelele kumzuzu wamashumi asibhozo
anesibini – kodwa uncumo labalandeli lupheliswe ligowuli elifakwe nguCele kushiyeke
imizuzu emine kuphele umdlalo.
UJohnson namakhwenkwe
wakhe bagoduke bencumile ngoba baqokelele amanqaku amane kwimidlalo emibini
kule veki. Phakathi evekini AmaZulu azibethele
Town etsala nzima kakhulu kule sizini ngo’2-1 eKing Zwelithini Stadium. AmaZulu
alwela ukuhlala kwiPremier Soccer League emva kokunyukela kwinqanaba
elingasentla ekuqaleni kwesizini ngokuthenga iqela elaphumelelayo kwaFirst
National Division.
Ndengane, Lubisi, Dlamini, Motshegwa, Baloyi, Hotto, Phalane, Mabena.
Amalalela: Dambe,
Shikweni, Mabaso, Nyundu, Jembula, Maruping, Maema.
AmaZulu FC: Mbatha, Sikhakane, Mabiliso,
P. Gumede, Gumede, Ouro-Akoriko, Ncube, Morton, Karuru, Cele, Manzini.
Amalalela: Murambadoro, Nyongo,
Mbatha, Lumkwana, Ncobeni, Khenyeza, Nomvethe.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?