UMhlongo liqhawe laMabhaka-bhaka

Amabhaka-bhaka ziinkunzi ezingathandabuzekiyo zeCarling Black Label emva kokuba ephumelele le ndebe isihlandlo sesine kwiminyaka emihlanu ukusukela mhla yasungulwa yetumente yosuku olunye.

Nakulo unyaka, i-Orlando Pirates, itshayelele isizini entsha evulwa ngokusesikweni kule veki, ngokuthi yenze edume ngazo xeshikweni ibetha iKaizer Chiefs ngo’4-3 kumapenela emva kokuphela komdlalo ebambene ngegowuli lamaqela eFNB Stadium ebigcwele ime ngeembambo ngoMgqibelo.

Unozinti onekamva eliqaqambileyo, uBrighton Mhlongo, uliqhawe kungoku nje kumawaka-waka abalandeli bePirates emva komsebenzi omhle awanze ngempela veki.

UMhlongo usebenzise owona mdlalo mkhulu kweli loMzantsi Afrika ukubonisa lonke ilizwe ukuba ungunozinti okumgangatho ophezulu, ngokuthi abonakalise isakhono sakhe zokubamba ezipalini ngethuba ethintela iibhola zade zambini. Yinto enkulu kakhulu kumdlali osakhulayo njengaye kuba uninzi lwabantu lucinga ukuba akakakulungeli ukuvala indawo eyashiywa nguSenzo Meyiwa owasweleka kunyaka ophelileyo.

Ziintshathseli ebezikhusela, iSea-Robbers, ezitsazise igazi kuqala ngebhola entle efakwe ngumdlali-siswini, uSifiso Myeni, ngomzuzu weshumi elinesithoba kwisigaba sokuqala somdlalo. Kwangoko emva kweli gowuli, iChiefs ikhangele elokulinganisa kodwa ayaphumelela kwiinzame zayo nangona bekukho amathuba okwenza oko. Kuyiwe kwisixesha lokuphumla i-Orlando Pirates ihamba phambili ngo’1-0.

Kwisigaba sesibini Amakhosi abuye etyhile kwelinye iphepha, ayixhokonxe iPirates ngasemva yade yavula ngomzuzu wamashumi amathandathu anesixhenxe ngebhola efakwe nguReneilwe Letsholonyane.

Nangona lo mdlalo ungaqalanga ngendlela ebilindelwe luninzi lwabantu kodwa – bekucaca ukuba iPirates kudala idlala kwaye ibonakalisile ukuba ifuna ukuyigcina indebe yayo.

U-Issa Sarr no-Oupa Manyisa, iinjini zeqela lika-Eric Tinkler, beziwulawula umdlalo kodwa ziye zatshintsha izinto emva kwegowuli lokuqala kuba nayo iChiefs iye yawunyusa umdlalo wayo.

Kwisigaba sesibini Amakhosi ibingawona ebenalo ithuba lokufaka elesibini, kuba umdlalo ubulawulwa ngawo ingakumbi emva kokufakwa kwabadlali abatsha.

Lo mdlalo ibingowona mdlalo ophakathi kwala maqela mabini obubukelwe ngabantu abaninzi eFNB Stadium – kodwa nawo uphele ebambene, ayokubethana kwimapenela, nto leyo isoloko ikhalazelwa ngabantu abaninzi.

Ngaphandle kokunqaba kwamagowuli kula maqela aseSoweto, wona umdlalo ubukwizinga eliphezulu kodwa khange ifike kwelaqondo le midlalo yakudala eyayishiya abantu abaninzi bethetha ngayo.