UMhlongo ngumqeqeshi omtsha weTS Sporting!

I-ORLANDO Pirates ikhuphe isaziso esithi uBenson Mhlongo uyahamba.

UMhlongo ebesebenza noMilutin Sredejovic noRulani Mokwena njengesekela mqeqeshi.

Ngoku le ndedeba iya kwiTS Sporting apho iza kubamba khona njengomqeqeshi.

“UBenson Mhlongo ukhululwe nguGqr Irvin Khoza ukuze akwazi ukufezekisa amaphupha wakhe. Emva kokusebenza njengesekela iisizini ezimbini – ngoku ukulungele ukuba ngumqeqeshi. UGqr Khoza umnqwenelele okuhle kodwa uMhlongo,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiPirates.