UMicho Sredojevic akazimiselana ukuyidelela iKaizer Chiefs

Happy Jele of Orlando Pirates with Milutin Sredojevic , coach of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2018/19 Kaizer Chiefs and Orlando Pirates Press Conference at the PSL Offices, Johannesburg on the 07 February 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Nangona i-Orlando
Pirates ikwazile ukuyibetha iKaizer Chiefs kwimidlalo emithathu ilandelelana
kunyaka ophelileyo – kodwa umqeqeshi wayo [iPirates] akazimiselanga ukuyidelela
emdlalweni wanamhlanje konke konke. EZimnyama zindwendwela iChiefs emdlalweni
we-Absa Premier Soccer League ozakube useFNB Stadium ngentsimbi yesithathu
emalanga. IPirates iza kulwela amanqaku apheleleyo ukuze ikwazi ukunyukela
kwindawo yokuqala kwiPSL. UMilutin “Micho” Sredojevic uthe ulindele ukuba iqela
lakhe ligagane neChiefs ekelemileyo futhi efuna ukuziphindezela. Ngenxa yeso
sizathu, uMicho uthe uyilumkele iChiefs kwaye ucinga ukuba utshintsho kuyo
phantsi kuka-Ernst Middendorp othathe iintambo ekuqaleni konyaka endaweni
kaGeovanni Solinas.

“Asinalo
ilungelo lokulidelela iqela esiza kudlala nalo nokuba lindawoni na kwiPSL.
Kufuneka sikuphose kwelokulibala konke okwenzeke kunyaka ophelileyo ngenxa
yesizathu esinye – ukufika kukaMiddendorp kulo nyaka. Ukusukela oko kwafika
yena, kubekho iinguqu ezininzi ezibonakalayo emdlalweni weChiefs. Umdlalo uzakuba
nomahluko ngenxa yomqeqeshi omtsha. Abadlali beChiefs baza kufuna ukuzimisela
emdlalweni kuba befuna ukwenza umsebenzi obetele kunalowo wonyaka ophelileyo,”
utshilo uMicho ethethe neentatheli ekuqaleni kwale veki eGoli.

Nangona iChiefs ifuna ukuphumelela
umdlalo ukuze iye phezulu kwiPSL – kodwa nayo iPirates ifuna ukubethelela
indawo yayo phaya phezulu. Yiyo lo nto ingeke ifune ukubethwa emdlalweni
wanamhlanje. Emva kokungakwazi ukuphumelela iMTN 8, iTelkom Knockout neNedbank
Cup – ngoku ithemba likaMicho lokufumana indebe, lilapha kwi-Absa Premier
Soccer League nangoba iqela lakhe kufuneka lilwe neBidvest Wits neMamelodi
Sundowns ukuze liyiphumelele. Amabhakaniya aza kuthembela kubadlali abafana
noHappy Jele, uVincent Pule noJustin Shonga. Amakhosi akakwazanga ukuyibetha
iPirates kwimidlalo elishumi ilandelelana.